Usola ukungazithembi kwabadlali uKomphela

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, uphume exhagwe ngamagosa okhuseleko ebaleni izolo. Umfanekiso: BackpagePix

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, uthi isizathu esibangele iqela lakhe lingaphumeleli izolo kukuzithemba okungekhoyo kubadlali bakhe.

Amakhosi afumene inqaku elinye kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obuphakathi kwawo nePlatinum Stars ophele ngo’1-1 eFNB Stadium ebesuku izolo.

Ukuxinga kwayo iChiefs izolo kuthetha ukuthi ayikaphumeleli nomnye umdlalo emva kwemidlalo emibini kule sizini entsha. Lo nto ibacaphukisile abalandeli bayo kakhulu – kangangokuba abanye bafuna umqeqeshi ahambe.

Kuyo yomibini le midlalo yeChiefs idlulileyo – umdlalo wayo ubonakala usezantsi futhi awudibani konke konke. Ezo zinto zenza kunzima nokubeka ibhola emnatheni. UKomphela uqale umdlalo wayizolo ngeqela labadlali elahlukileyo kweliya lesiqhelo – kodwa khange kubekho mahluko kwicala leziphumo.

“Ndicinga ukuba eyona nto ebonakeleyo kukungazithembi kwabadlali. Siyazi xa iziphumo ezihle zichasele, lo nto ibulala ukuzithemba ngaphakathi kubadlali,” utshilo uKomphela.

Ephawula ngomdlalo lo mqeqeshi uthe iqela lakhe lingene emdlalweni kakuhle kwisiqingatha sesibini.

“Sisokole ukufumana isingqi sethu kwaye neebhola ebekufanele ukuba siyazitsibela siziphosile emdlalweni. Into ebisenzeka xa sifumene ibhola kukungxamela phambili – kodwa siphethe siyilahla nalo bhola ekugqibeleni,” utshilo uKomphela.

YiPlatinum Stars engcangcazelise umnatha kuqala ngebhola [kodwa engadlulanga emgceni] kaRobert N’gambi kwisigaba sokuqala.

Igowuli laMakhosi lokulinganisa lifakwe nguHendrick Ekstein. UCavin Johnson ukuvuyele ukugoduka nenqaku elinye kulo mdlalo.