USolinas uncoma abadlali bakhe emva kokuwongwa yiPSL

Khama Billiat and Giovanni Solinas,of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2018/19 Coach and Player of the Month for September Announcement at the PSL Offices, Johannesburg on 04 October 2018 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Umqeqeshi weKaizer
Chiefs, uGiovanni Solinas, uncome abadlali bakhe emva kokuzuza iwonga lomqeqeshi
wenyanga emini namhlanje eGoli. USolinas noKhama Billiat bathiwe jize ngewonga lenyanga
umntu ngamanye ngenxa yomsebenzi oncomekayo abawenze kwinyanga yoMsintsi
(September). Amakhosi aphumelele imidlalo emithathu ilandelelana kwinyanga
ephelileyo emva kokukhutshwa yiMTN 8. USolinas ebekhuphisana nabaqeqeshi
abafana noKaitano Tembo weSuperSport United, uJosef Vukusic wePolokwane
City
noMilutin “Micho”
Sredojevic we-Orlando Pirates kwiwonga le nyanga.

“Ndingathanda
ukuncoma iqela nabadlali njengokuba ndifumene eli wonga. Ngabo abasebenzileyo.
Ndinethamsanqa elikhulu ngoba ndinabadlali abesemgangathweni ophezulu. Kwakhona
ndiyaphinda, kunje ngenxa yabadlali,” utshilo uSolinas. Amakhosi
abethe iCape Town City
ngamagowuli amane kwelinye, alandelisa ngokubetha iFree State Stars ngamagowuli
amabini eqandeni naMaZulu ngo’2-0. Lo midlalo yathatha iChiefs yayibeka
endaweni entle phakathi kwamaqela aphezulu kwiPSL.

“Abadlali
bayalihlonela iqela kwaye yeyona nto esezingqondweni zabo. Ndifuna unixelela
into enye ngoKhama. Wonke umntu ufuna ukudlala eYurophu – kodwa akusinguye
wonke umntu oyakuya khona. UKhama angadlala eYurophu,” utshilo uSolinas. Emva kokudlala
ntanganye ngeqanda macala, iChiefs iya kumdlalo olandelayo ifuna amanqaku
apheleleyo. Amakhosi aza kudlala nePolokwane
City
umdlalo we-Absa
Premier Soccer League ngentsimbi yesithandathu ngorhatya eMoses Mabhida
Stadium.