USolinas uyathetha emva kokuqeshwa yiKaizer Chiefs namhlanje

UGiovanni Solinas ngumqeqeshi omtsha weKaizer Chiefs. Umfanekiso: KC

Amakhosi
anomqeqeshi omtsha! Oku kulandela ukubhengeswa kwegama likaGiovanni Solinas
njengendoda ezakuthi ixhuzule imikhala emva kokulahla kukaSteve Komphela
kwisithuba seenyanga ezimbini ezidlulileyo. Usihlalo weKaizer Chiefs, uKaizer
Motaung, wazise le ndoda esuka kwilizwe lase-Italy kwikhasi lonxibelelwano –
uFacebook – emini maqanda namhlanje. Ukufika kukaSolinas kothuse wonke umntu kuquka
nabendaba ngoba khange abalwe nakanye kwinani labaqeqeshi ebekucingeleka ukuba
bangaqeqesha iChiefs.

USolinas akamtshanga
eMzantsi Afrika nakwizwekazi le-Afrika. Le ndedeba ikhe yaqeqesha iFree State
Stars kwiminyaka embalwa edlulileyo nakwiqela elikwilizwe elisemantla we-Afrika.
Kuninzi kekambe okulindelekileyo kuye nanjengoko efika kwiChiefs efince
iminyaka emithathu yonke ingafumenanga nenye indebe. “Ukuqeqesha iKaizer Chiefs
lithuba elikhulu kakhulu ngoba liqela elikhulu – hayi eMzantsi Afrika kuphela.
Ukuqeqesha iqela elikhulu njengayo ke kungumsebenzi omkhulu kakhulu. Ndizimisele
ukusebenza imini nobusuku ukuze ndiqinisekise ukuba abalandeli neChiefs kukho
into ebavuyisayo,” utshilo uSolinas kwikhasi lomnatha leChiefs namhlanje.

USolinas utyikitye
isivumelwano sengqesho seminyaka emibini kwiChiefs. Nakubeni efike ixesha
selixhatshwe yinja nje – kodwa uMotaung uthe umqeqeshi akazukuba yinxalenye
yeqela ngomso xa lidlala kwiMaize Cup. UPatrick Mabedi – onethuba ebambele
njengomqeqeshi – uza kuxhuzula imikhala ngomso – kodwa kunokwenzeka angene
ngokwakhe uSolinas xa Amakhosi ethathana neMamelodi Sundowns kumdlalo weShell
Felix Cup okwiveki ezayo.