Usomlomo weTS Galaxy uqhwatywe ngempama ligosa lePirates

Udulubhentsu owenzeke e-Orlando Stadium phakathi kweziphathamandla zeTS Galaxy noonogada bePirates uchaphazele kakubi abantu abaninzi – hayi omnye njengoko abantu abaninzi besazi. UMinenhle Mkhize, isithethi seTS Galaxy, sithi siqhwatywe ngempama nguThandi Merafe, oligosa lePirates. Oku kwenzeke ngoMgqibelo ophelileyo phambi komdlalo obuphakathi kwePirates neGalaxy. Amagosa okhuseleko e-Orlando Stadium akamvumelanga uMnu. Tim Sukazi nabanye abaphathi beTS Galaxy ukuba bangene ebaleni ngelithi (uSukazi) makaye phezulu angasondeli kwiqela lakhe. Imcaphukisile lo nto ngoba ikhadi lakhe lokungena emidlalweni liyamvumela ukuba angene kuzo zonke iindawo. UMkhize uchaphazele kuloo mtshovwano ngethuba bezama ukungena ngaphakathi.

“Ndibethwe ngempama nguThandi. Indothuse kakhulu into andenze yona kangangokuba khange ndazi nokuba mandithini. Ndiqonde ukuba mandingaphindisi ngenxa yokuba ilizwe lisajongene nempathombi yomama,” utshilo uMkhize ethetha kwiSAFM. “Ukuziphatha kwakhe kundishiye ndomatshekile ngoba ngumntu endimhloniphayo. Ayiqali ukusehlela into enje xa sidlala nePirates – kodwa sathi masithule kuba yayiqala. Sizimisele ukufaka isikhalazo kwiPSL ngento eyenzekileyo,” utshilo uMkhize. Uthe akubona ukuba akazukuvulelwa uSukazi, utsalele umnxeba usihlalo wePirates okwangowePSL, uMnu. Irvin Khoza, efuna athethe nabantu beqela lakhe abasesangweni.

“Sithethe ixesha eliphaya emizuzwini emibini wathi ucela ukuthetha negosa eliphethe abezokhuseleko. Emva koko ndixelelwe ukuba ndingaya emagumbini otshintsha – hayi ebaleni. Kuthiwe kutsho usihlalo wePirates. Ndithe ndiyayamkela lo nto – kodwa ikhadi lam liyandivumela ndingene kuzo zonke iindawo,” utshilo uSukazi kumajelo eendaba. Ingqonyela yePSL, uNksz. Mato Madlala uyigalele amanzi into yeTS Galaxy ngethuba ebuzwa ngayo ngoMvulo ngelithi abakayifumani ingxelo. “Akukho nto esesiyifumene okwangoku. Sakuyifumana yonke ingxelo, sakuqubisana nayo ngoko,” utshilo uMadlala. Iingxelo zithi uMkhize umangalele uMerafe kwisikhululo samapolisa aseSoweto.