USouthgate ukrobisa okunokwenzeka xa inokuphumelela iNgilane

England's manager Gareth Southgate during the FIFA World Cup 2018 quarter final soccer match between Sweden and England in Samara, Russia, 07 July 2018.

AmaNgesi
ayayivuyela inkqubela eyenziwe lilizwe lawo kwindebe yehlabathi esingathwe
yiRussia. INgilane ibethe iSweden ngo’2-0 omhle kwiveki ephelileyo. Loo mdlalo
ububukelwe ngabantu abasukela izigidi ezingamashumi amabini eNgilane kuphela.
Elo nani lidize umdla omkhulu abanawo kwiqela labo abantu baseNgilane – kwangaxeshanye,
kuye kwabonakala ukuba kungathi tshitshilili uchulumanco oluxakileyo ukuba iNgilane
ingakwazi ukuya kumdlalo wokugqibela kwindebe yehlabathi okanye iyiphumelele. Ingcingane
yomqeqeshi weNgilane, UGareth Southgate, ayohlukanga kakhulu. USouthgate uthi
ukuba ilizwe lakhe linokuphumelela indebe yehlabathi – lo nto ingakhokelela
ekuhlonitshweni kwabadlali bakhe ngaphezulu kwabo baphumelela indebe ngo-1966.

Kwiminyaka edlulileyo,
iNgilane ayiqhubanga kakuhle kwitumente yehlabathi. Yiyo lo nto kukho
ukuvuseleleka kwethemba lokufunquka kwebhola yaseNgilane phantsi kukaGareth Southgate – oye eRussia
nabadlali abasebatsha. Kule tumente yalo nyaka, yiNigeria eye neqela labadlali eRussia,
emva kwayo yiFrance kulandele iNgilane. Ngaphandle kwamathandabuzo, impumelelo
yeli qela labadlali abakhoyo iya kubuyisela ilizwe encochoyini kwibhola
yehlabathi kwakhona. Namhlanje ngentsimbi yesibhozo ebusuku, iNgilane iza
kuqubisana neCroatia kumdlalo eMoscow – apho la mazwe mabini azakube esilwela
indawo kumdlalo wokugqibela ongeCawe emalanga.

“Sithethile
kancinci ngeqela labadlali elaphumelela indebe yehlabathi ngo-1966. ekuqaleni
kwethu amalungiselelo wale midlalo sizamile ukubabonisa amandla abanawo okwenza
izinto ezinkulu. Ndidibene nabanye babadlali bakudala kwaye indlela
abahlonitshwa ngayo. Ndicinga ukuba impumelelo enokufunyanwa leli iqela ingayinto
nje endingayaziyo kwelixesha lamakhasi onxibelelwano,” utshilo uSouthgate
ethetha neentatheli kutshanje.