USoyizwaphi unethuba lokuya eRio

Umqeqeshi weBlitzbokke, uNeil Powell, uthi wonelisekile sisigaba sokuqala samalungiselelo okuya kwimidlalo ye-Olimpiki eBrazil. Oku kulandela impumelelo yeqela lakhe kumdlalo wokuzilungiselela obudlalelwa eStellenbosch eNtshona Koloni ngoMgqibelo.

Lo mdlalo ubungekho kumgangatho ophezulu kodwa ibingumdlalo weBlitzbokke, oko kwaphela imidlalo yeSevens yehlabathi eLondon ekupheleni kukaCanzibe.

NgoMgqibelo iBlitzbokke ibethe iWestern Province ngo’34-5 kumdlalo wamagqibela kankqoyi. Abadlali abangqengqe emgceni nguRosko Specman, Siviwe Soyizwapi, Cheslin Kolbe, Kyle Brown noDylan Sage. Le tumente ibilithuba lokugqibela lokuba abadlali batsale iliso likaPowell phambi kokuba abhengeze abadlali bakhe bokugqibela abalishumi elinambini azakuya nabo eRio de Janeiro.

Abadlali abafana noSoyizwaphi ababekelwe bucala kwiqela likaPowell bafumene ithuba lokuba babizwe nabo ingakumbi emva kokufumana iwonga lokuba ngumdlali ohamba phambili wosuku. NgoLwesihlanu ophelileyo, iSARU, ibhengeze ukuba uRyan Kankowski, Philip Snyman, Cecil Afrika, Francois Hougaard noRuhan Nel khange bathathe nxaxheba kwiqela kumalungiselelo ale tumente.

Kubonakala ngathi uHougaard nangona kunjalo ulifumene ithuba lokudlala ngoMgqibelo.

Kumdlao ongaphambili kwamagqibela kankqoyi iBlitzbokke ibethe iZimbabwe ngo’48-0.

“Le tumente ifike ngexesha elifanekileyo kuthi, kudlule nje iinyanga ezimbini iphelile imidlalo yeSevens yehlabathi sele silungiselela iRio.

“Eyona nto besifuna ukuyiqwalasela yindlela abakhaba ngayo abadlali, kwaye ndonelisekile yinto endiyibonileyo,” utshilo uPowell.

chris.gilili@inl.co.za