Usozoso waseBhofolo wenze imbali

Nakubeni umdlalo wamadoda aphakamisa iintsimbi naqhayisa ngezihlunu utsala nzima kakhulu eMpuma Koloni – kodwa abadlali bawo abamnyama bathe chu nokwenza ezibukwayo.

Ityendyana lomfana, uLusindiso Danster, lelinye lamadoda akhokeleyo kulo mdlalo kweli phondo emva kokuzuza impumelelo kutshanje.

UDanster ngusozoso obhale iincwadi zembali kwicandelo lamadoda aphakamisa iintsimbi ezinzima ngokuthi afumane ilayisenisi yenqanaba eliphezulu eneminyaka engamashumi amabini anesithathu qha – akuzanga kubekho mntu ofumana ilayisenisi ekwikhabathiso leminyaka akuyo.

Le ndedeba yaseBhofolo izibonakalise kukhuphiswano obe lubanjelwe eMonti kutshanje ekuthiwa yiPCA Battle of Titans.

Yinto enkulu le kuDanster nakubeni ebengayilindelanga. Esi sigantsontso sixelele I’solezwe lesiXhosa ukuba sothukile – kodwa siyayamkela impumelelo ngezandla ezishushu.

“Yho! Indothusile ke le nto. Bendingayilindelanga noxa bendizimisele ukuqhuba kakuhle kukhuphiswano.

Kulo nyaka uDanster uzivavanye kwiPCA Queenstown Grandprix 2018 nakwiPCA Battle of the Titans.

UDanster usacinga ngenyathelo lakhe elilandelayo emva kokuthatha inxaxheba kwiPCA Xplosive Ape UK, iPCA Rise of the Phoenix, iPCA Butterworth Classic.

“Okwangoku andikasithathi isigqibo ngeyona nto endifuna ukuyenza,” utshilo uDanster.

EMpuma Koloni, oosozoso abamnyama abaxhaswa ngoosomashishini nangurhulumente – impumelelo kaDanster yinto enkulu futhi ebonisa ukukhula kwalo mdlalo.

Kuzo zonke izinto adibene nazo kwikhono lakhe lokuphakamisa iintsimbi, uDanster ubulela inkxaso ayifumana kumqeqeshi wakhe uEarl Abrahams neenkampani ezimxhasayo ezifana neBodyculture gym, iNutritech, eKhaya Eziko, iAthlete Competition Tan, iGenetic neWWW.KingJames.Afrika.