Usozoso waseZwelitsha ucela uncedo kuni!

Ityendyana lomfana waseZwelitsha, eQonce, uAkhona Chris Nguta, ngomnye wooSozoso okanye izigantsontso zamadoda avunyiweyo apha eMpuma Koloni kwicala lokudlisela ngezihlunu ezinomfaneleko kwicandelo loosozoso.

UNguta unephupha lokuba yeyona ndonda ivunyiweyo eMzantsi Afrika kwicala lezoso. Uzimisele ukufezekisa iphupha lakhe kwitumente ebizwa ngokuba yi-Arnold Classic Africa ezakube iseSandton cebu kuhle kwidolophi yaseGoli ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kwinyanga ezayo.

Kulapho onke amadoda azingqwayingqwayi anoophampatha bezihlunu azakuthi ahlangane khona njenjongo enye, ukukhuphisana ukuze kubekho intshatsheli. Njengokuba uNguta engomnye ochongiweyo ukuze amele uMzantsi Afrika, uthi uzimisele ukuyenza lo nto, kodwa ingxaki yakhe akanayo imali yokuya kule tumente. Emva kokuba iBuffalo Body Building ibaxelele ukuba umntu ngamnye oya eSandton makazibhatalele, kuye kwanzima kweli tyendyana laseZwelitsha ngoba alinayo imali yokubhatala. Imali eyiR2 250 [yeyongenela ukhuphiswano], indawo yokuhlala, ukutya neyokukhwela xa esiya kule tumente.

Into anayo kuye kukuzithemba, ukufuna ukumela ilizwe lakhe nokusebenza ngokuzimisela. Ucela nabani na ongakwazi ukumnceda ambhatalele iindleko zokuya kule tumente enze njalo. Akafuni mali esandleni; ufuna nje ukubhatalelwa ezi zinto zibalwe ngasentla. “Le tumente ka-Arnold yaziwa jikelele kwihlabathi, kwaye alikho elinye iqonga elikhulu nelinokundinceda ukodlula lona.

Xa ndinokuya phaya ndingafumana ithuba lokubonwa kuphinde kuvuleleke namathuba okufumana abaxhasi abakhulu. Andityhafanga kukungabinayo imali. Amalungiselelo etumente ahamba kakuhle kakhulu.

Umntu onqwenela ukufaka isandla angatsalela * -Akhona Nguta kule nombolo yakhe:

060 870 5991