USredojevic uphawula ngoBrilliant Khuzwayo okulungeleyo ukudlala

Brilliant Khuzwayo of Orlando Pirates during the Telkom Knockout Last 16 Orlando Pirates and Chip United on the 20 October 2018 at Orlando Stadium, Johannesburg / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

UBrilliant Khuzwayo
angadlala okokuqala njengomdlali we-Orlando Pirates emdlalweni weTelkom
Knockout namhlanje. Oku kuthiwe thsuphe ngumqeqeshi weBucs xeshikweni encokola
neentatheli ekuqaleni kwale veki eGoli. AmaBhakabhaka aza kuvan’amandla neKaizer
Chiefs emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo
eMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga. Ngokutsho kukaMilutin “Micho”
Sredojevic, unozinti wakhe uphile qete kwaye ukulungele ukudlala. Abaqeqeshi bePirates
bazibalule njengoongqondongqondo ekufundeni umdlalo; ukudlalisa uKhuzwayo
ingasesinye sezixhobo zabo emdlalweni. UKhuzwayo watyikitywa yiPirates phambi
kokuqala kwesizini emva kweminyaka engumdlali weChiefs – apho wakhala
ngokungafumani ithuba lokudlala ngenxa ka-Itumeleng Khune.

Ngelishwa lakhe,
wafika kwiPirates wonzakala – lo nto yamnyanzela ukuba alinde ixesha elide
phambi kokudlala umdlalo wakhe wokuqala. UMicho uthe kungenzeka amqalise
ezipalini – kodwa yonke into iya kuxhomekeka emalungiselelweni weqela. “Imidlalo
emikhulu ifuna kwenziwe izinto ngendlela enomahluko. Uyathembisa kakhulu
uKhuzwayo xa ezilolonga futhi yonke into ihamba kakuhle. Ndingaqinisekisa ukuba
ukulungele ukudlala nanini. Kodwa into endingeke ndiyitsho kukuba uza kudlala
okanye akazukudlala ngoba – lo nto iya kuxhomekeka kumalungiselelo wethu,”
utshilo uSredojevic kwiSolezwe.

Ukudlaliswa
kwakhe uKhuzwayo namhlanje ingayinto enkulu kakhulu ngoba uzakube edlala neqela
asuka kulo, alaziyo naphambi kwabantu bakowabo eThekwini – apho azalelwe khona.
Amakhosi asantywizisa emva kokubethwa yiPirates ngo’2-1 emdlalweni we-Absa
Premier Soccer League obuseFNB Stadium kwinyanga ephelileyo. UMicho uxelele
iintatheli ukuba iqela lakhe alikafikeleli kumgangatho awufunayo. “Eli lithuba
elihle lokuthi sizibonakalise. Ndiyabazi abalandeli bethu balambele ntoni.
Ndiyayazi nendlela abaziva ngayo ngento abayifunayo. Enyanisweni, bafuna siye
emdlalweni wokugqibela weTelkom Knockout. Siza kuzama ngako konke okusemandleni
wethu ukuze yenzeke lo nto,” utshilo uMicho.