USredojevic uyivusile iPirates ifile

Abalandeli beOrlando Pirates bebengathanda ukufumana indebe emva kwexesha elide kungekho nto ingenayo – kodwa inkqubela eyenziwe liqela kule sizini iza kubaxolisa ngoba inika ithemba.

Ezimnyama ngenkani zisebenze kakuhle kakhulu phantsi komqeqeshi okhoyo, uMilutin “Micho” Sredojevic.

Eli qela liqinisekile ukuba liza kuhlala kwindawo yesibini xa kuvalwa isizini yePSL ka2017/18.

Umahluko owenziwe nguMicho mkhulu kakhulu. Kwisizini edlulileyo, iPirates yavala isizini ikwindawo yeshumi elinanye okokuqala ukusukela mhla kwasungulwa iPSL ngo’96.

Zijikile izinto kwakufika uSredojevic ekuqaleni kwesini futhi nomgangatho womdlalo wePirates ubumhle kakhulu.

UMicho uyivusile iPirates ebifana nefileyo ngoba kunyaka ozayo ibuyela kwiCaf Champions League.

Ukubuyela kweBucs kwimidlalo yeCaf ziziphumo zomsebenzi omhle owenziwe ngumqeqeshi, isekela uRulani Mokwena nabadlali bebonke.

Inkqubela eliyenzileyo iqela inika abalandeli ithemba elikhulu lezinto ezintle kwisizini ezayo.

IPirates izamile ukusukela iMamelodi Sundowns kule sizini. Kodwa ukuphumelela kweDowns kwiveki ephelileyo kuye kwayinyanzela iPirates ukuba inikezele, yamkele indawo yesibini kule sizini.

Amakhwenkwe kaMicho abethe iCape Town City esokolisayo ngo’3-1 kumdlalo obuseKapa. Emva komdlalo, uSredojevic uxelele iSuperSport TV ukuba kule sizini iqela lakhe lidlale kakuhle kwaye bakwazile (bengabaqeqeshi) ukuyiqinisa emva kokuhexa kwisizini edlulileyo.

AmaBhakaniya aye kwiCape Town City kowayo ejonge impindezelo emva kokubethwa kumdlalo weNedbank Cup – kodwa esazi ukuba soze kube lula ukudlula kwiCity. UMicho uyiqhwabele izandla iSundowns – kodwa wayithembisa ngokuyisokolisa kwisizini ezayo.

“Siye emdlalweni sinenjongo yokuqinisa indlela esidlala ngayo, sikhangele namathuba. Akukho nto singayizamanga. Zikhona izinto esizifundileyo. Siyakholwa ukuba sidlale kakuhle kule sizini noxa kusekho omnye umdlalo esiza kuwudlala,” utshilo uMicho.