Nakubeni isizini iphelile, akukacaci ukuba uStanley Nwabali uza kudlalela eliphi iqela kwisizini ezayo. Emva kokuqhuba kakuhle kwiChippa United kwisizini ka2023/24, uNwabali uvakalise ukulungela kwakhe ukudlalela iqela elikhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika okanye naliphi iqela laphesheya.
UNwabali uzibonakalisile ukuba ungunozinti osemgangathweni ophezulu ngokunceda iChippa United ekwazileyo ukuphepha izembe ngaphandle kwengxaki kwisizini esongwe kwiveki ephelileyo. Oku kwenzeke ngoba uNwabali ngomnye wabadlali abenze indima ebonakalayo.
Kodwa uye waziqaqambisa kakhulu ngethuba enceda iNigeria eqhube kakuhle kwiAfrica Cup of Nations nakubeni yabethwa emdlalweni wokugqibela yi-Ivory Coast. Emva komdlalo wokugqibe iChippa ebethwe kuwo yiSekhukhune United ngamagowuli amabini eqandeni eMonti kutshanje, uNwabali uthe ukulungele ukuyokuqala ubomi obutsha kwelinye iqela.
Noxa ebekhe akhona amarhe athi angathathwa yiKaizer Chiefs okanye i’Orlando Pirates – kodwa kuvakala ukuba ufunwa liqela laseBelgium ekuthiwa yiRoyale Union Saint-Gilloise ngoku.
“Ukuthengwa kwabadlali kuvuliwe ngoku. Bendinomnqweno wokukhula. Andazi nokuba indawo iza kuvela eMzantsi Afrika na okanye eYurophu. Ndiyidlalele kakuhle iChippa United kule sizini futhi nayo indikhulule ukuba mandiyw kwiqela elikhulu. Ndizimisele ukudlala eYurophu nokuba kulapha eMzantsi Afrika.
“Alikafiki ixesha lam lokuhamba – kodwa ndiyazi ukuba kukho amaqela amakhulu andifunayo,” utshilo uNwabali kutshanje. Nangona esithi ukulungele ukudlalela nokuba leliphi iqela kwamakhulu, iSundowns ingangamthathi ngoba inoRonwen Williams odlala kakuhle.
Kodwa anganayo indawo kwiChiefs nakwiPirates. “Ibhola ekhatywayo lishishini, ukuba uSihlalo weChippa uvumelanga neqela. Ndiza kuya kulo, andinaqela endingathi andilifuni,” utshilo uNwabali.
Njengokuba amaqela ezizwe elungiselela imidlalo ehlakulela imidlalo yetumente yehlabathi (2026 Fifa World Cup qualifier), uNwabali uza kubuyela kowabo eNigeria elungiselela ukudibana noMzantsi Afrika. Ngumdlalo lowo oza kutaka iintlantsi ngoba aBafana Bafana baza kuya kuwo befuna ukubuyisa isixhiba kwiNigeria ebikhe yababetha kwiAfcon ekuqaleni kwalo nyaka.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!