UStephen Mokoka uthi uyifumene evile intshinga yeCape Town Marathon!

UStephen Mokoka yintshatsheli yeCape Town Marathon. Umfanekiso: © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Imbaleki ephokeleyo eMzantsi Afrika kwicandelo lezembaleki, uStephen Mokoka, uphinde wenza adume ngazo ngethuba eqhumisela ngothuli inyambalala yeembaleki eKapa kwimpelaveki egqithileyo. UMokoka ubhale ngokutsha iincwadi zembali ngokuthi abe yintshatsheli yeCape Town Marathon – ethandwa kakhulu ziimbaleki zehlabathi – ityeli lesithathu. Olu gqatso olubanjwa rhoqo eKapa lohlulwahlulwa kaninzi ngokwemigama kuba kulungiselelwa iimbaleki ngokohlukana kwazo. Umgama woompondozihlanjiwe beembaleki ngulowo ungamashumi amane anesithandathu, kubekho owamshumi amane anesibini ukuya kwishumi leekhiomitha. UMokoka, 37, uye watshatshela kwakhona emva kokuba ebaleke ixesha eliziiyure ezimbini nemizuzu elithoba (2:09:54).

Emva kwakhe kulandele uDerseh Kindie Kassie ngeeyure ezimbini ezineshumi elinanye lemizuzu (2:11:26) kwaze kwindawo yesithathu yanguDagnachew Adere Maru ngeeyure ezimbini naye (2:11:52). Emva kokuphuma phambili, uMokoka uvumile ukuba bekunzima. “Bekunzima kakhulu ukubaleka olu gqatso. Okuye kwandivuyisa kukuba ndikwazile ukugqiba iikhilomitha ezilishumi ndiphambili ngoba bekunzima kakhulu. Ndisokoliswe kakhulu liqhina laseDistric Six – kodwa ke bekumnandi,” utshilo uMokoka okwayintshatsheli ye-Olimpiki. Le mbaleki yaseMahikeng, kwiphondo laseMntla Ntshona, iye eKapa inomnqweno wokuphucula ixesha eyalenza kwilixa elidlulileyo.

“Rhoqo xa ndisiza apha, ndisoloko ndifuna ukwenza ngcono kunangaphambili. Mhlawumbi ndiza kude ndizifumane iiyure ezimbini nemizuzwana,” utshilo uMokoka oyimbaleki yemigama emide. Kwicala lamanenekazi kuphumelele uMseret Dinke Meleka welizwe lase-Ethiopia. “Bekumnandi ukubaleka eKapa,” utshilo uMeleka. “Kuye kwanyanzeleka ukuba ndibaleke ndodwa ngoba bekungekho mntu ecaleni kwam. Akululanga ukubaleka wedwa. Kuye kube ngcono kakhulu xa ukhuphisana nezinye iimbaleki – kodwa ke ndibalekile ngendlela ebendicwangcise ngayo,” utshilo uMeleka obaleke iiyure ezimbini namashumi amabini anesine emizuzu (2:24:02). Emva kwakhe kulandele uTecla Kirongo noJudith Cherono baseKenya.