USteve Barker ugxeleshe ukuphumelela iCarling Knockout okokuqala

Abadlali beStellenbosch FC bevuyela ukubetha iRichards Bay emdlalweni weCarling Knockout ngempelaveki edlulileyo. Umfanekiso: Facebook

Umqeqeshi weStellenbosch FC, uSteve Barker, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva kokuba bephumelele umdlalo weCarling Knockout obalulekileyo. Idlulele kwisigaba sokugqibela iStellenbosch okokuqala kwiCarling Knockout emva kokuba ivuthulule iRichards Bay ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obungempelaveki.

Amagowuli eliphumelele ngawo iqela likaBarker afakwe nguDevin Titus, Anicet Oura no-Antonio Van Wyk. Emva komdlalo obuseKing Zwelithini Stadium, uBarker uthe impumelele yeqela lakhe ukhumbula ngayo abantu ababini abasweleke kulo nyaka, u-Oswin Andries noClive Barker.

Omnye ebengumdlali obalulekileyo weStellenbosch owasweleke emva kokuhlatywa amatyeli aliqela kwindawo yesntselo. Kanti omnye wanceda aBafana Bafana baphumelela indebe yeAfrica Cup of Nations ngo1995 wabasa nakwitumente yehlabathi ngo1998 okokuqala kwimbali yoMzantsi Afrika.

“Ekuqaleni kwalo nyaka, siphulukene nelinye lamajoni wethu, u-Oswin Andries. Kwelinye icala, ndilahlekelwe ngumalume wam, uClive Barker. Ukuya kwethu emdlalweni wokugqibela weCarling Knockout ndikhumbula ngako bona bobabini.

Emdlalweni weCarling Knockout wokugqibela oza kube useMoses Mabhida Stadium, iStellenbosch FC iza kungquzulana neTS Galaxy eguqise phantsi AmaZulu ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni obuyizolo.

Emva kokuba iStellenbosch iphoswe yindebe yeMTN 8, iza kuya emdlalweni wokugqibela inxanelwe ukuphumelela. Noxa liphumelele, uBarker uvumile ukuba iqela lakhe aliqhubanga kakuhle kwisigaba sokuqala somdlalo. “Ukudlalela ukuya kwisigaba sokugqibela yenye into, into efunekayo ngoku kukuphumelela umdlalo wokugqibela,” utshilo uBarker emva komdlalo ngempelaveki.

“Isiqingatha sethu sokuqala khange sihambe kakuhle. Abadlali bebenayo indawana yokoyika. Sijike emidlalweni yeendebe ephambi kweyokugqibela kabini – umdlalo wethu ubungadibananga kakuhle.

Kodwa lo nto khange idale ingxaki kuthi. Impumelelo ezuzwe liqela yinto enkulu kuthi nakubalandeli bethu abasuke eKapa beza apha. Kuhle ukubona abadlali abasakhulayo njengoJayden Adams bedibanisa ikhulu lemidlalo. Kwelinye icala, abadlali abafana noDevin Titus beziqaqambisa emidlalweni,” utshilo uBarker.