USteve Barker uthi ibifanelwe ngamanqaku amathathu iStellenbosch FC

UJayden Adams weStellenbosch FC noThembinkosi Lorch we-Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDanie Craven Stadium. Umfanekiso: Shaun Roy/BackpagePix

Iqela lebhola ekhatywayo laseNtshona Koloni, iStellenbosch FC, alikabethwa kule sizini entsha. Nakubeni kunjalo, uSteve Barker, uthi iqela lakhe belifanelwe ngamanqaku amathathu emdlalweni wayizolo. IStellenbosch FC ibambene ne-Orlando Pirates ngegowuli elinye macala (1-1) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDanie Craven Stadium ebusuku izolo. UBarker ubhenele ebadlalini abasebancinane ngenxa yokonzakala kwabaqhele ukudlala. Imsebenzele lo nto ngoba badlale ngendlela encumisayo kakhulu bedlala nePirates ebityelele eStellenbosch inenjongo yokubuya namanqaku apheleleyo. Kwisigaba sokuqala, iStellenbosch ibihamba yodwa. Into eyenzileyo iPirates ibe kukuzikhusela kungafakwa gowuli.

Ngelishwa laso iStellies, asikwazanga ukusebenzisa amathuba okanye iimpazamo zabadlali bePirates abebexhamazela emva. Kuyiwe kwixesha lokuphumla ihamba phambili iPirates ngegowuli elihle elifakwe nguNkosinathi Sibisi ngentloko emzuzwini wamashumi amane anesihlanu. Igowuli liyincedile iPirates ngoba ibiphantsi koxinizelelo kakhulu. Ziye zaguquka izinto ngethuba iStellenbosch ifumana igowuli elifakwe ngu-Oswin Andries (19) ngentloko oye wachongwa njengomdlali oqaqambileyo ekupheleni komdlalo. UBarker akonelisekanga linqaku elinye elifunyenwe liqela lakhe noxa iPirates ibinamandla kwisigaba sesibini. “Hayi, andingeke ndithi liyandonwabisa inqaku elinye. Ndiphoxekile, besifanelwe ngamanqaku amathathu,” utshilo uBarker emva komdlalo.

“Sidlale kakuhle ngaphezulu kwePirates kwisiqingatha sokuqala. Zange ndayibona iStellenbosch idlala ngendlela edlale ngayo namhlanje. Bekufanele sinikwe ipenela. Ubethiwe umntu ngengqiniba – kodwa khange kukhutshwe khadi. Yiyo lo nto ndingonwabanga kukufumana inqaku elinye. Besifanelwe ngamanqaku angephezulu kwelinye. Ibingekho iPirates kwisigaba sokuqala, ibingcono kodwa kwesesibini. Sibhenele kubadlali abatsha ngoba isibhozo sonke sabadlali besingekho namhlanje. Kuyo yonke lo nto, u-Oswin Andries ufumene iwonga lomdlali oqaqambileyo,” utshilo uBarker othe akukho qela abangenomelana nalo kwiDStv Premiership. Iqela lakhe liqokelele amanqaku amabini emidlalweni emibini kule sizini entsha.