USteve Barker uzingomba isifuba ngokwenziwe yiStellenbosch FC

Emva kokuwisa elinye lamaqela amakhulu kwiMTN8, uSteve Barker uphume ebaleni engawuvali umlomo ngenxa yemincili. Oku kulandele emva kokuba iStellenbosch FC ibethe iMamelodi Sundowns ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weMTN8 obuseMoses Mabhida Stadium emalanga ngeCawe egqithileyo.

Igowuli lempumelelo lifakwe nguLehlogonolo Mojela kwangoko kwisigaba sesibini kwahlokoma iMoses Mabhida Stadium ebithe gabhu ngabalandeli beChiefs nePirates abe bexhasa iStellenbosch evimbe iDowns indebe ekhatshwa zizigidi ezilishumi zerandi.

Ukubetha iSundowns kabini evekini eye yinto enkulu kwiqela elikhulayo njengeStellenbosch. Yiyo lo nto uBarker ephume ebobotheka ebaleni laseThekwini. Kodwa eyona nto ebaluleke kakhulu kukuba iStellenbosch iza kufumana ithuba lokulwela indebe yesibini xa idibana nePirates emdlalweni weMTN8 wokugqibela. UBarker uvimile ukuba bekunzima ukoyisa iSundowns.

“Ndiyazingca ngeqela lam eliya emdlalweni wokugqibela wendebe kwakhona,” utshilo uBarker encumile emva komdlalo. Ingatsho iSundowns ukuba iibhola zayo zibethe ipali kabini – kodwa nathi ndicinga ukuba ngesilifumene igowuli kwangoko emdlalweni. Ndicinga ukuba siwuqale kakuhle kakhulu umdlalo. Khange siyinike thuba lokudlala ngendlela yayo iSundowns. Ifumene indlela yokuhlasela sakudlalela emhlabeni wethu.

“Ndiyancoma indlela abadlale ngayo abadlali bethu. Ukuvala iSundowns ingafumani igowuli emidlalweni emibini yinto enkulu kuthi. Ndonwabe kakhulu futhi ndifuna ukubulela abalandeli abasixhasileyo namhlanje,” utshilo uBarker ochaze ukulwela enye indebe njengento ekhethekileyo.

Nakubeni iStellenbosch sithengise iziqwayi zayo zabadlali – kodwa isomelele kakhulu. Abadlali, ebathengileyo nabayo abasuka kwiDiski Challenge, basebenze ngendlela encomekayo. Enye into entle encomekayo ngeStellenbosch yindlela ezenza kakuhle ngayo izinto.

Xa ithengisa, inyusela abadlali abafika benze umsebenzi. Naxa ithenga abadlali kwamanye amaqela, ithenga umdlali oza kulungela indlela edlala ngayo. Ngoku iStellenbosch iza kulwela ukuphumelela iMTN8 Cup okokuqala emva kokuba izuze indebe yeCarling Knockout kunyaka ophelileyo.