USteve Komphela akasichasanga isikhundla seBafana Bafana

Steve Komphela, coach of Golden Arrows during the Absa Premiership 2018/19 match between Golden Arrows and Orlando Pirates at the Suger Ray Xulu Stadium, Clermont on the 02 March 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi
weGolden Arrows, uSteve Komphela, uxelele iintatheli kutshanje okokuba ngeke
aliyeke lidlule ithuba lokuqeqeshi iqela lesizwe ukuba uyalinikwa. Umbutho
olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, iSafa, ukhangela umqeqeshi omtsha
emva kokulaxazwa nguStuart Baxter – othathe isigqibo sokubeka phantsi
njengomqeqeshi weBafana Bafana kwiveki ephelileyo emva kwento ayichaze
njengokungaxhaswa kwakhe ngabasemagunyeni. UBaxter ubeke phantsi emva kokuba
aBafana Bafana bephume kumjikelo wesithathu kwi-2019 Africa Cup of Nations
(Afcon) esongwe kwinyanga ephelileyo kwilizwe laseYiphutha. Nangona aBafana
Bafana baye bakwazi ukugqitha kumjikelo wokuqala kwi-Afcon – kodwa kwabakho
ukungoneliseki ebantwini yindlela abadlala ngayo emidlalweni yabo.

Khange
kuphoziswe maseko, isigqeba seSafa sichonge uMolefi Ntseki njengomqeqeshi
olibambela ukuze aqhubele phambili nokulungiselela imidlalo yeqela lesizwe eza
kuqala kwinyanga ezayo. UMolefi ebephakathi kwabantu abebencedisa uStuart
Baxter kwimidlalo yetumente ye-Afrika kwinyanga ephelileyo. Njengokuba
kukhangelwa indoda eza kuthatha esona sikhundla esitshisayo ebholeni
yaseMzantsi Afrika. Maninzi amagama wabaqeqeshi ekuthiwa kungakhethwa phakathi
kwawo. Abo ngabantu abanjengoPitso Mosimane, uGavin Hunnt, uBenni McCarthy
noSteve Komphela othe angeke athi hayi xa elikwa ithuba lokuqeqesha iqela
lesizwe.

“Ukuqeqesha
iqela lesizwe ngumsebenzi wesizwe. Ngumsebenzi ofana ncamashi nowobujoni –
awukwazi ukuthi hayi kuwo. Xa kukho umfazwe, uMzantsi Afrika ojongene notshaba
kuyo, kubizwe wena – kunyanzelekile ulisabele ubizo. Kodwa ke sakuyibona ngoko xa
isenzeka leyo into. Okwangoku ndisengumqeqeshi weGolden Arrows. Kuyafuneka
sizikhangele ukuba singoobani. Isizwe sichazwa yimidlalo esiyidlalayo, ubugcisa
nenkcubeko. Ukuba asikwazi ukuzazi into esiyiyo emidlalweni – lo nto ithetha
ukuthi kusekude ebhakubha,” uthsilo uKomphela kwiphephandaba laseGoli. Emalanga
ngeCawe, iGolden Arrows iza kudlala neBloemfontein Celtic emdlalweni wePSL, eDr
Molemela Stadium.