USteve Komphela ubhentsisa iingxaki ezambethe iMoroka Swallows!

Izinto azihambi kakuhle konke konke enkampini yeMoroka Swallows. Oku kudizwe ngumqeqeshi wayo, uSteve Komphela, emva kokuba ibethwe yiSuperSport United ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership ngempelaveki egqithileyo. Iingxelo zamajelo eendaba zithi iSwallows intywila engxakini yezimali kwakhona. Ayiqali lo nto ukwenzeka futhi ibilindelekile ngoba iSwallows ityikitye abadlali abaziwayo abaquka uTshegofatsa Mabasa, Andile Jali, Keanan Phillips, uGabadinho Mhango, uLetshane Phalane noBongani Sam ingenabo abaxhasi abanokuyinceda kwicala lezimali.

Emva kokuphulukana nomnye umdlali ngempelaveki egqithileyo, umqeqeshi uvumile ukuba kukho ingxaki enkulu eqeleni lakhe ebangele ukuba kude kuphele ishumi lonke leentsuku abadlali bengaziqeqeshi enkampini noxa bedlala ngomhla womdlalo. “Yonke imihla ndiza ejimini – kodwa kukho umba ongade usonjululwe,” utshilo uKhomphela kutshanje. “Yonke imihla ndiya emsebenzini. Ungababuza abaphathi, akukho suku endingayi ngalo – kodwa uza kothuka ukuba ziintsuku ezilishumi abadlali besiya nje ejimini. Beza ekuseni nasemalanga bangenzi kwanto baphinde bahambe.

“Ndenza umsebenzi wam – kodwa isazela sam sithi ikhona into engalunganga kwindawo endisebenzela kuyo. Into yokuya ejimi yonke imihla – kodwa ingasonjululwa eyona nto iyingxaki ikushiya upaneke izandla neenyawo njengomqeqeshi. Akukho nto endingayenza ngoba abadlali bathi kuwe ‘Hayi, asizukwazi ukujima mqeqeshi’,” utshilo uKomphela. Nangona kukubi kunjalo enkampini yeSwallows, abadlali bayaya emidlalweni.

“Kuye kwanyanzeleka ukuba ndithumelele abadlali umyalezo othi mabeze emsebenzini ngoba besingenokwazi ukungawudlali umdlalo weDStv Premiership. Kuye kwanyanzeleka ukuba sifumane isisombululo. Iziphumo zomdlalo zibi – kodwa ngekukubi kakhulu ukuba besingawudlala umdlalo wanamhlanje. Bendingatsho ndithi asizukudlala namhlanje. Andikwazanga ukuyenza lo nto ngoba bekuza kuba kubi kakhulu,” utshilo uKomphela ngempelaveki egqithileyo.