USteve Komphela uncoma umdlali wakhe omtsha

Kuye kwathi xibilili izibilini kuSteve Komphela izolo okwethutyana. Oku kuze emva kokuba iKaizer Chiefs ifumene impumelelo yayo yokuqala kule sizini ngokuthi ingombe iCape Town City ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eCape Town Stadium ngokuhlwa kwayizolo. Umdlalo ubuvutha bhe ngoba bekudibene oomakad’ ezondana namaqela asoloko ezingela impumelelo – ngakumbi iiCitizens. Ngaphandle koqabu lo weziphumo ezincumisayo kumdlalo wayizolo, uKomphela ugoduke encume olukabhulankethe ngenxa yomdlali oselula owenze ezibukwayo.

Lo mdlali nguWiseman Meyiwa – umdlali siswini oneminyaka elishumi elinesibhozo qha – othe wafaka igowuli lakhe lokuqala njengomdlali weChiefs phambi kokuphela komdlalo izolo. Yeyona nto le ethe yaqaqamba ngoba iChiefs yagqibela kudala ukunika ithuba lokudlala umdlali oselula njengalo. UMeyiwa ngumdlali onyuselwe kwiqela likaKomphela kuntshanje emva kokwenza umsebenzi omhle kwiChiefs edlala kwiMultiChoice Diski Challenge. Umqeqeshi uyincomile kakhulu le dyongwana emva kokudlala kakuhle kumdlalo wayo wokuqala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo.

“Kungathini ukungabimnandi xa umdlali omncinane edlala kanje? Bendinexhala lokuba uzakudinwa qha. Lo nto ibonakele nyhani ekuzeni kuphela komdlalo. Ungumdlali onesibindi esingumangaliso kwaye uneempawu zomdlali odlala esizikithini sebala,” utshilo uKomphela emva komdlalo etyhilekile ebusweni.

Phambi kokuqala komdlalo, umqeqeshi unike uMeyiwa amazwi wenkuthazo kwaye kuyacaca ukuba asebenzile ngoba ushiye wonke umntu engawuvali umlomo. “Lo kuphela komdlalo ebomini bakho ovumelekileyo ukwenza iimpazamo kuwo ngaphandle kokugxekwa. Ukuba udlale kakuhle, lonke udumo liza kuwe ngoba awukaziwa ngabantu,” ngamazwi kaKomphela lawo.

Ngaphandle kwamathandabuzo bekungelulanga ukudlala neCape Town City ebingekabethwa kwimidlalo yayo yePSL neMTN 8 – kodwa ngenxa yokuzimisela, abadlali beChiefs bakwazile ukuncumisa abalandeli babo. “Umdlalo wona ubumnandi. Kwibhola ekhatywayo ufunda emva kokubetheka, akufani nasesikolweni – apho uqala ngokufunda ukuze ukwazi ukuphepha imbetheko. Ezi zizifundo esifumana kuzo ubulumko. Bekufaneluba siye kwixesha lokuphumla sinkqenkqeza phambili ngo’1-0 okanye ngo’2-0. Ibhola inezimanga zayo. Siyayivuyela kakhulu le mpumelelo siyifumeneyo. Sikwavuyisana kananjalo noBenni McCarthy ngokusinika umdlalo omhle,” uvale ngaloo mazwi uKomphela.

Amakhosi alungiselela ukwamkela iBidvest Wits kumdlalo wePSL ozakube useFNB Stadium ngo’18:00 ngoMgqibelo. IWits ayiqhubi kakuhle konke konke kule mihla. Izolo ibethwe yiGolden Arrows ngo’3-1 emva kokukhutshwa kwayo kwiMTN 8 yiCape town City kwimpelaveki edlulileyo.