USteve Komphela woyiswe ziidyongo ezidlala kwaSAB League

Reitumetse Hlongwane of Vaal University challenged by Gladwin Shitolo of Golden Arrows during the2020 Nedbank Cup Last 32 match between Vaal University and Golden Arrows at the Dobsonville Stadium, Soweto on the 08 February 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Abafana Bes’thende
bayantwizisa emva kokuba bekhutshiwe kwiNedbank Cup. Iqela likaSteve Komphela
likhutshwe ziidyongo, iVaal University of Technology, ephumelele ngo’6-5
kumapela emva kokuba umdlalo uphele ebambene amaqela ngamagowuli amabini macala
(2-2) eDobsonville Stadium namhlanje. INedbank iyaziwa njengelona khuphiswano
olushiya abantu bebambe ongezantsi. Amaqela amakhulu asoloko ebangamaxhoba
wamaqela amancinci adlala kumanqanaba asenzantsi. Namhlanje iGolden Arrows ibe
liqela lokuqala elidlala kwi-Absa Premiership elikhutshwe liqela elidlala
kwiSAB League. UKomphela unike abadlali abaninzi abangaqhelanga ukudlala ithuba
lokuqaala umdlalo namhlanje – kodwa kuye kwacaca okokuba ubanike ngosuku olubi.

Phambi komdlalo,
kubekho ukutsarhana ngamazwi phakathi kukaStanley Nkoana weVUT noKomphela. UNkoane
uthe uza kubetha uKomphela nesosilungu sakhe esikhulu. Abadlali beVaal bathezele
emnxebeni kwangoko emdlalweni; ngomzuzu wesine bebehamba phambili ngegowuli
elifakwe nguLeuba Tema. Bazamile ukunyusa umxakatho Abafana Bes’thende – kodwa yabe
imile ithe gomololo iVaal University. Ufake igowuli lokulinganisa uSibusiso
Mokondo emva kokufumana ibhola kuSibusiso Sibeko. Kuthe sekungaseni, uMichael
Gumede  ubeke phambili iArrows ngegowuli
alifake sekushiyeke imizuzu emine kuphele umdlalo. UReitumetse Hlongwane ufake
elokulinganisa kushiyeke imizuzu emibini qha kuphele umdlalo atsho amaqela
abambana ngo’2-2. Iphumelele kumapenela iVUT ngo’6-5. Kweminye imidlalo,
AmaZulu avuthululwe ngo’4-1 yiBloemfontein Celtic. Wona Amavarara abethe iSuper
Eagles ngo’1-0.