USteyn ubuyela kwiProteas

Umdlali ogibiselayo woMzantsi Afrika, uDale Steyn kulindeleke ukuba adlale kule midlalo mibini ishiyekileyo yeProteas, xa bedlala neNgilane.

Kodwa uSteyn kufuneka azibonakalise, phambi kokuba kufike umdlalo wesithathu wovavanyo, eWanderers, ngoLwesine weveki ezayo.

Le ndedeba yaye yafumana umenzakalo, kumdlalo wabo wokuqala wovavanyo ne-India, ngoNovemba wonyaka ophelileyo. Uphinde wenzakala egxalabeni, kwinyanga ephelileyo kumdlalo wabo neNgilane.

UMzantsi Afrika uyabethwa kolu luhlu lemidlalo, kodwa khange litshintshwe iqela kwimidlalo emibini edlulileyo yovavanyo. Le nto ithetha ukuba uStephen Cook akanandawo.

U-AB de Villiers uzakube eyikapteni yeProteas okokuqala, kulandela ukuyeka kukaHashim Amla. Omnye umdlali ozakubuyela kwiProteas, nguJP Duminy, nongazange afumane thuba lokudlala eNewlands.

UDuminy ukhe wazibonakalisa ngethuba eqhokra ikhulu lemitsi kwiqakamba yamaqela amancinci, ngoLwesine.

URusell Domingo sele ebhengeze nabadlali abaza- kudlala kwimidlalo emihlanu yosuku olunye, nezakuqala kwinyanga ezayo.

Abadlali kwimidlalo yovavanyo:

AB de Villiers (captain), Dean Elgar, Stiaan van Zyl, Hashim Amla, Faf du Plessis, Temba Bavuma, JP Duminy, Quinton de Kock (wkt), Rilee Rossouw, Dale Steyn, Morne Morkel, Kagiso Rabada, Kyle Abbott, Dane Piedt, Chris Morris, Hardus Viljoen.

Abadlali kwimidlalo yosuku olunye: De Villiers (captain), Abbott, Amla, Farhaan Behardien, Quinton de Kock (wkt), Duminy, Du Plessis, Imran Tahir, David Miller, Morkel, Morris, Rabada, Rossouw, Steyn