Umdlali ogibiselayo weeProteas uDale Steyn, nongafumani xesha laneleyo lokudlala kwiGujarat Lions ezidlala kwi-Indian Premeir League(IPL), kungekudala uza- kudlala kwitumente yeT20 yase-UK.
Ebutsheni bale veki uSteyn uvuse intento kumakhasi onxibelelwayo xa ebhala kwidonga lakhe likaTwitter ukuba anganomdla xa enobizwa lelinye lamaqela aseUK.
Amakhasi eendaba aphesheya adize ukuba uSteyn woyanyaniswa nelinye lamaqela aseCardiff, iGlamorgan.
IGlamorgan izakusebenzisa inzalelwane yase-Australia uShaun Tait uzakungena naye kule T20, kwaye bekuvakala ngathi eli qela linomdla nakwabanye abadlali beProteas uMorne Morkel nooWayne Parnell.
Kodwa esi sibini uParnell noMorkel batyunjiwe kubadlali beProteas abazakudlala kwimidlalo emithathu yosuku elinye neWest Indies, ne-Australia.
USteyn oneminyaka engamashumi amathathu anesibini usaphumle emva kwemidlalo emininzi yovavanyo neyosuku olunye yeProteas, ekupheleni konyaka ophelileyo. Ngoku ulungiselela imidlalo yovavanyo azakuyidlala kwiProteas ukusuka ku-August.
Into ebangela ixhala ngoSteyn kukuba unqatyelwe ngamathuba okugibisela mva nje, ixesha elininzi ebethintelwa kukwenzakala, kwaye ngokuqinisekileyo ukuba uyalifumana ithuba lokudlala kwi-IPL nabalawuli beProteas bangayivuyela loo nto.
USteyn ngomnye wabadlali abaphambili kwiProteas ingakumbi kwicandelo lokugibisela, kwaye ukungadlali kwakhe ixesha elininzi kunyaka ophelileyo kubenegalelo kwindlela eziqhube ngayo iiProteas.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup