Umdlali ogibiselayo weProteas uDale Steyn ubengumdlali ophambili kumdlalo wesibini wovavanyo ubuphakathi kweProteas neNewZealand.
USteyn ubuyise iinkumbulo ezimnandi zeminyaka elithoba edlulileyo. NgoLwesibini ibilityeli lamashumi amabini anesithandathu apho athe wafumana oothinti abahlanu, kumdlalo omnye wovavanyo.
IProteas iphumelele ngemitsi eyi’204 kumdlalo wayo wesibini wovavanyo ubudlalelwa eSuperSport Park ngoLwesibini. Le mpumelelo ithetha ukuba iProteas iphumelele kolu luhlu lemidlalo, kuba umdlalo wokuqala uphele ebambene la maqela omabini.
Nokuba ngubani na obenamathandabuzo mayelana nomcimbi kaSteyn, ngokuqinisekileyo ngoku uzifumene iimpendulo. Zonke izakhono zakhe nje ngomgibiseli uzibonakalisile kulo umdlalo.
Ukwazile ukuwisa oothinti abathathu ngebhola ezintathu kumangelo esibini, kwibhola zakhe ezilishumi elinanye. UVernon Philander naye usebenze kakhulu kuba uwise uthinti kaKane Williamson weNew Zealand.
INew Zealand bekusasele ixesha elininzi ukuba inganikezela, kwaye emva kokuphulukana nomdlali wayo ophambili khange izibekele phantsi izamile ukuxhathisa, inyamezele.
USteyn naye uzivumile emva kwalo mdlalo ukuba, olona bizo lwakhe lukwimidlalo yovavanyo, kwaye kwiqela lesizwe iProteas.
“Ndiyakonwabela ukudlala imidlalo yovavanyo. Ndiyayithanda kwaye ndicinga ukuba yeyonanto ndandidalelwe yona,” utshilo uSteyn.
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!