USteyn usafuna ukudlalela iSpringboks

UMorne Steyn ongumdlali weSpringboks.

Ukuba umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo, * -Allister Coetzee, usenayo indawo kwiqela lakhe, uMorne Steyn uthi uyafumaneka xa kukho imfuneko.

Lo mdlali indawo yakhe ithethwe ngamatyendyana amabini adlala kakuhle kakhulu uPat Lambie noHandre Pollard.

USteyn ngumdlali onamava kakhulu kwimidlalo yehlabathi – kodwa ngenxa yokuzama kukaCoetzee ukwakha iqela elitsha uye wayekhupha le ndedeba.

Lo mdlali uxelele amajelo endaba kwilizwe laseFrance ukuba akasenawo amandla wokudlalela iSpringboks. “Ngeke ndikwazi ukudlalela Amabhokobhoko. Ukunyuka ndisehla kunzima kum kakhulu. UPollard noLambie ngabadlali abaqavileyo, lixesha labo ngoku,” ucatshulwe njalo uSteyn.

Ezo ngxelo kodwa uthi lo mdlali azichanekanga. “Andikasithathi isigqibo esinjalo,” utsho lo mdlali.

Lo ngunyaka ozakubanzima kakhulu kuCoetzee ngoba wakhelwe umkhanyo ngabaphathi beSaru emva kokudlala kakubi kweeBoks kunyaka ophelileyo.