UMzwandile Stick ubhengezwe nje- ngosekela mqeqeshi kaAllister Coetzee kwiSpringbok, uStick uzakujongana nabadlali bangemva kwiSpringboks.
Le nzalelwane yaseBhayi, yaba ngumntu wokuqala omnyama ukuba yikapteni yeBlitzbokke. Kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo uqeshwe njengomqeqeshi wabadlali bangemva kwiiSouthern Kings, xa bezilungiselela isizini yalo nyaka yeSuper Rugby. Abantu abaninzi bangacinga ukuba uStick akanagalelo aza nalo kwiSpringbok, kodwa abantu abakhe basebeneza kufutshane naye bayamazi ukuba akayondoda evuma ngokuvunyiswa. UStick nguye owakhokela iEastern Province ukuba iphumelele indebe yabaminyaka ingaphantsi kweshumi elinethoba kunyaka ophelileyo, kwaye ngaphandle kwamathandabuzo uzakuba negalelo kakhulu kwiSpringbok.
UStick uzakube esebenzisana noJohann van Grann nongumqeqeshi wabadlali abahlaselayo kwiSpringboks. UVan Grann ebekwesi sikhundla nakwiminyaka edlulileyo kwiSpringbok. Omnye ozakuqhubekeka nomsebenzi wakhe, nguIan Schwarts ongumphathi weqela.
“ Aba ngabantu abangazinikelanga kuphela embhoxweni, kodwa banamava,” utshilo uCoetzee ebhekisa kwigqiza aza- kusebenzisana nalo. “Xa ufaka abantu abanamava, udibanise nomsebenzi osele wenziwe ukuzakuthi ga ngoku kwiSpringbok ukulungiselela le sizini kuthetha ukuba sizakungena emxholweni kungekudala.”
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates