UStuart Baxter asimxhalabisi isiqalo esibi

UStuart Baxter uthi kusekusasa kakhulu. Umfanekiso: BackpagePix

Njengexhangusha ekudala lisebholeni, uStuart Baxter, asimoyikisi nakancinci isiqalo esibi seSuperSport United kule sizini.

Amatsatsantsa a Pitori abambene ngeqanda macana neChippa United kumdlalo wePSL obudlalelwa eLucas Moripe Stadium izolo ebusuku.


Kumdlalo wokuqala wePSL, iSuperSport United, yabethwa yiDikwena phambi kokubethwa kwakhona yiMamelodi Sundowns kumdlalo weMTN8 Cup.


Kulo mdlalo obuphakathi kweSuperSport United neeChilli-buys ebekhona amathuba wokufumana impumelelo kuwo omabini la maqela – kodwa akwazi ukuwasebenzisa kwade kwase kugqibeleni. UBaxter uthi uyiqhelile into enjalo, akothukanga.

“Ayindiphazamisi nakancinci into yokuqala isizini kakubi ngolu hlobo. Kwenzeka le nto ndiqeqesha iKaizer Chiefs – kodwa safumana indebe yePSL ekugqibeleni,” utshilo uBaxter.


“Umdlalo ububambene. Zininzi izinto ezithethiweyo ngeChippa emva komdlalo wayo neSundowns [weMTN 8] – kodwa ayikwazanga nokukhaba ibhola ecacileyo apha kuthi. Ndiphoxekile njengokuba singaphumelelanga kodwa andinaxhala. Abadlali basebenza kakuhle ukuzothi ga ngoku. Siyazi ukuba kufuneka siyiphucule indlela esidlala ngayo,” uvale ngalo mazwi uBaxter.