Emva kokuthath’ iintambo ngokupheleleyo ekuqaleni kwale veki, umqeqeshi weBafana Bafana uzimisele ukwakha iqela lesizwe eliluqilima. UStuart Baxter, obefudula eqeqesha iSuperSport United, uchonge abadlali abaninzi abaselula ngokweminyaka abazakuthi badlale kwiCosafa Cup edlalelwa eRustenburg kwiphondo laseMntla Ntshona. Njengokuba uBaxter ebuyela ityeli lesibini kwiBafana Bafana, kobonakala ngathi ukholiwe yindlela AmaJamani aqhuba ngayo kwaye uzimisele ukusebenzisa indlela yawo akhulisa ngayo abadlali. Ezi ntshatsheli zehlabathi ziyinxalenye yeConfederation Cup eqhubayo eRussia – kodwa umqeqeshi wazo usebenzisa abadlali abaneminyaka engaphantsi kwamashumi amabini ananye njengendlela yokulola abadlali abanokumela ilizwe kwixesha elizayo.
“Isicwangciso esinaso kweli tyeli kukuzama ukusebenza nabadlali abasebatsha ukuze baqhelane nebhola yamazwe ngamazwe. Sifuna ukusebenzisa ncakasana la ndlela yenza ngayo iJamani kwimidlalo yeFifa Confederations Cup – apho inabadlali abambalwa kakhulu abadala,” utshilo uBaxter kwiSafa.net.
Lo Mngesi uyiqale le nkqubo yakhe yokunika abadlali abatsha ithuba lokudlala kumdlalo odlulileyo obuphakathi kweBafana Bafana neZambia kutshanje.
“Iqela esilichongileyo linabadlali abaselula, abanye babo badlale kwi-Under 20 Fifa World Cup kutshanje eKorea. Ngokwenza ngolu hlobo, sizama ukuqinisekisa ukuba abadlali bethu bayangena kwiBafana Bafana. Yeyona ndlela esinokuqinisa ngayo isicwangciso seSafa esaziwa ngokuba yiVision 2022,” utshilo uBaxter.
Abanye babadlali bazakufumana ithuba lokudlala xa uMzantsi Afrika uqubisana neTanzania kumdlalo weCosafa ngo’17:00 ngoMgqibelo eRoyal Bafokeng Stadium. Abo badlali baquka abadlali abadlalela Amajita abafana noLiam Jordan, uThendo Mukumela, uSandile Mthethwa, uThabo Cele, uSiyabonga Mbatha noTercious Malepe. iqela likaBaxter lizakukhokelwa nguLehlogonolo Masalesa njengokapteni weCosafa. Umceli-mngeni anawo uBaxter kwiqela lesizwe kukuqinisekisa ukuba liya kwindebe yehlabathi nakwitumente yezwekazi le-Afrika ezayo.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!