Nangona engene kwisikhundla sokuqeqesha iBafana Bafana kutshanje uStuart Baxter – kodwa kunyanzelekile abeleke izikrweqe zakhe njengejoni elidala aye edabini.
UMzantsi Afrika uvan’ amandla nelizwe eliyingxaki iNigeria kumdlalo webhola ekhatywayo ozakube useGodswill Akpabio Stadium ngo’18:00 kwisixeko sase-Uyo ngoMgqibelo. Ngumdlalo kaBaxter wokuqala lo njengomqeqeshi weBafana Bafana emva kokuthatha iintambo kwinyanga ephelileyo.
INigeria yamkela uMzantsi Afrika osazingela impumelelo yokuqala kwiminyaka elishumi elinesithathu yonke kwimidlalo ebalulekileyo. Nakubeni iBafana Bafana ingekazoyisi iiSuper Eagles – kodwa iya inethemba lokubuya nempumelelo e-Uyo. Zange ikwazi iNigeria ukuyibetha iBafana kumdlalo wokugqibela enkundleni yawo. Ngoku uMzantsi Afrika uya unethemba lempumelelo nangona kukho ingxaki yokwenzakala kwabadlali abaninzi enkampini.
UBaxter nejoni lakhe uThulani Hlatshwayo alithembileyo bazimisele ukwenza umsebenzi oncomekayo eNigeria. “Ndothukile, abadlali baphuma kwisizini ende – kodwa indlela abazimisele ngayo ayithetheki. Andifuni kuyimosha lo nto,” utshilo uBaxter.
Ukudlamka kwabo kuphenjelelwa kukulangazelela ukudlala phantsi komqeqeshi omtsha nokudibana nelizwe elifana neNigeria – izangxa zezwekazi le-Afrika.
“Ukudlala neNigeria yinto enkulu kubo, abadlali bafuna ukuzivavanya kwabanye abakhulu. Ndiyasola kukho abafuna ukuzenzela udumo. Kubalulekile ukugcina amandla nodlamko ngokwasemizimbeni nangokwasengqondweni. Abadingi mqeqeshi ozakubaxelela izinto ezininzi. Kufuneka siye eNigeria qha ngoku, ndimtsha nam. Akufuneki sibe sisenza izinto ezintsokothileyo,” utshilo uBaxter.
Ukapteni omtsha weBafana Bafana, uHlatshwayo, ulwamkele uxanduva alunikiweyo. “Ukuba amajoni wakhe ayakuxhasa, umsebenzi ulula xa ukhokela. Kumnandi ukuba ngukapteni nangona ingeyonto intsha kum leyo. Abadlali beNigeria bakhulu, kufuneka sibanqolobe ngeebhola ezibalekayo. Zange baye kwi’2015 Afcon ngenxa yethu, ngoku bazakufuna ukubuyisa isixhiba – ingasinceda ke lo nto,” utshilo uHlatshwayo.
UNasreddine Nabi uphazanyiswe yiChiefs ephise ngomdlalo kwiRoyal Am