UStuart Baxter uphefumla ngokufunwa kwakhe yiChiefs!

Umqeqeshi weBafana Bafana, uStuart Baxter, noDean Furman, bethetha neentatheli. Umfanekiso: BackpagePix

Abaphathi
beKaizer Chiefs abalali buhlayo bekhangela umqeqeshi omtsha phambi kokuvulwa kwesizini
entsha yiPremier Soccer League. Amakhosi akanaye umqeqeshi oyintloko ukusukela
mhla kwemka uSteve Komphela kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini
ezadlulayo. Umqeqeshi weBafana Bafana, uStuart Baxter, ubonwa njengedoda
enokuthatha esona sikhundla esitshisayo kwibhola yaseMzantsi Afrika esokuqeqesha
iChiefs. Kutshanje uBaxter uvele kwisikhululo sikamabonakude ekuthiwa yiY2TV –
apho agocwagocwe ngemibuzo malunga nendlela awazisebenzisayo ukuze azuze
impumelelo njengomqeqeshi weChiefs.

“Ndicinga
ukuba xa amaqela ebhola ekhatywayo ekhetha abaqeqeshi anezinto
angaziqwalaseliyo ezinje: Ingaba ngumqeqeshi olilungeleyo iqela? Ingaba
ngumqeqeshi ofanelekileyo?. Ndicinga ukuba nabaqeqesi abazibuzi mibuzo phambi
kokuthatha isigqibo ethi: Ingaba liqela elindilungeleleyo na? Ngoba sube
bonganyelwe luchulumanco lokuthenjiswa ngomsebenzi. Umqeqeshi kufuneka acinge:
ndingamelana na nomthwalo, ndingavelisa uhlobo lomdlalo olonekisayo iqela futhi
ndiphumelele iindebe?” utshilo uBaxter.

UBobby
Motaung akafunanga ukuzibophelela xa ebebuzwa ngoBaxter ophakathi kwabaqeqeshi
abafunwa yiChiefs kwiveki ephelileyo. Utshilo kekambe okokuba uBaxter
ungumqeqeshi weqela lesizwe – kodwa impumelelo kaBaxter phakathi kuka-2012
nonyaka ka-15 yenye yezinto ekucingeleka ukuba inyanzela iChiefs ukuba ibhenele
kuye. UBaxter wenza imbali eNaturena ngokuphumelela iindebe ezimbini zePSL,
iMTN8 Cup neNedbank Cup. Kwiminyaka emithathu iChiefs iqeqeshwa nguKomphela ayifumenanga
nto. Lo nto iyawanyanzela Amakhosi akhangele indoda eyilungeleyo iChiefs – ngakumbi
njengokuba iza kudlala kwiCaf Confederation Cup.

“Ucinga ukuba
ndingase ndithathe umsebenzi kuba ndiza kufumana imali xa kuphela inyanga? Ingasisiqalo
sokungaphumeleli kwezinto oko. Nalo iqela kufuneka liwujonge ngolo hlobo lomba.
Ingaba umqeqeshi angamelanga noxinizelelo oluhamba nomqeqeshi? Angasinika iindebe?
Uvale ngalo mazwi uBaxter.