Umqeqeshi
weBafana Bafana, uStuart Baxter, uyavutha ngumsindo ngenxa yabaqeshi bakhe
iSouth African Football Association (Safa). Lo mqeqeshi kuthiwa ubaxelele
ezindlebeni abaphathi bakhe okokuba kufuneka bayitshintshe indlela abasebenza
ngayo ukuba ngokwenene bafuna iBafana Bafana ihlonitshwe ehlabathini. Kuthiwa
uBaxter ucatshukiswe kukuxelelwa kwakhe ngoLwesibini wale veki ukuba iqela liza
kudlala kwitumente ezakube isingethwe lilizwe laseZambia phambi kokuphela kwale
nyanga ekubeni yena ebenesicwangciso sokuya kwiKing’s Cup ezakube iseThailand
ngexesha elifanayo. Le tumente kuthiwa makaye kuyo uBaxter izakube inamazwe
amane aquka iZambia engusotheko, iZimbabwe, uMzantsi Afrika nelizwe lase-Angola
engekaqinisekisi ngokokuva kweSolezwe.
Kwinkomfa
yoonondaba, uStuart Baxter, uthe iyamcaphukisa futhi iyamphoxa into yokuthi
sele elungiselele wazigqiba izinto zakhe, abaphathi bathi gqi sebemxelela into
eyohlukileyo kakhulu kuleyo ebeyicingile. “Mna bendisazi ukuba siya eThailand –
kodwa emva kokusiwa ngapha nangapha, ndixelelwe ukuba siya eZembai,” utshilo uBaxter.
Umthombo
othembekileyo weSolezwe uthe uBaxter uxelele iintatheli bucala okokuba iyamphazamisa
kakhulu into eyenziwe yiSafa. Enye into akhale ngayo kukudlala namazwe
anenqwaba yabadlali abadlalela amaqela aseMzantsi Afrika kule tumente iseZambia.
Lo nto akayiboni njengento eluncedo kwiBafana Bafana. Ukwenza kweSafa
kubonakala ngathi iyamjikela uBaxter. Iingxelo zithi umqeqeshi ebezimisele
ukuya eThailand neqela elinabadlali abasakhulayo. Ngoku kulindeleke uStuart
Baxter abhengeze amagama wabadlali beqela elizakuya eZambia. Abalandeli bebhola
eMzantsi Afrika baza kubukela indebe yehlabathi ngaphandle kwelizwe labo emva
kokungakwazi kwakhona ukuzibekela indawo kwi-2018 Fifa World Cup ezakube
iseRussia.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis