Uswelekile owayengumdlali wePirates ne-Arrows

UBheka Phakathi, owayedlalela iGolden Arrows ne-Orlando Pirates, uswelekile emva kokubandakanyeka engozini yemoto. Umfanekiso: Isolezwe

Ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika iphinde yagutyungelwa
lilifu elimnyama. Oku kwenzeka emva kokuvakala kweendaba ezithi uBheka Phakathi
uswelekile. Ingxelo zithi uPhakathi ubhubhe emva kokugaxeleka kwakhe engozini
yemoto kwindawo ekuthiwa yiSeven Oaks kwidolophana yaseGreytown kwiphondo
laKwaZulu
Natal.

UBheka Phakathi wasenzela igama ebholeni yelizwe loMzantsi
Afrika ngethuba edlalela iGolden Arrows. Waye wagqama ngakumbi ngethuba
edlalela i-Orlando Pirates kwiminyaka embalwa edlulileyo.

 

Esweleka nje, uPhakathi ebengumqeqeshi weqela elibizwa
ngokuba yiMvoti FC elidlala kwinqanaba elikwi-ABC Motesepe League. Isikhulu
seMvoti FC, uMnu. uBongihlala Gwala, uxelele iSolezwe ukuba ngokwenene
uPhakathi ulishiyile eli limagad’ahlabayo. Le ndedeba ibineminyaka engamashumi
amane anesithathu ibike yangumqeqeshi weRoyal Eagles edlala kwaNational First
Division ixeshana kwaye usebenzile njengomqeqeshi nakwiGolden Arrows ngethuba
iqeqeshwa nguShaun Batlett kwisizini ka-2015/16.