UTahir ngoyena uqhube kakuhle eWest Indies

Umdlali ogibiselayo weProteas * -Imran Tahir ngoyena mdlali udlale kakuhle kwimidlalo yosuku olunye yamazwe amathathu nephele uMzantsi Afrika ubethwa kuyo yiWest Indies ngoLwesihlanu.

IProteas ibethwe yiWest Indies ngemitsi elikhulu ngoLwesihlanu, eBridgetown. Lo mdlalo ibingumdlalo nalapho iqela elithe lawuphumelela belizibekela indawo kumdlalo wamagqibela kankqoyi.

UTahir ngoyena mdlali ugibisele imijikelo eliqela. Eyedwa uqokelele oothinti abalishumi elinesithathu kwiProteas kwimidlalo emithathu.

Kolu luhlu lwemidlalo, uTahir ugibisele kakuhle ukogqitha namphi umdlali weProteas kwi-ODI. Uwise oothinti abasixhenxe eqhokrelwe oothinti abangamashumi amane anesihlanu kumdlalo wokuqala phakathi kwala mazwe mabini.

Olandela emva kwakhe nguKagiso Rabada naye owise oothinti abaninzi, kodwa uthande ukusilela xa uqwalasela imitsi ebethiweyo xa kugibisela yena.

Xa kufikelela ekuqhokreni kule midlalo, uFaf du Plessis nguye ohamba phambili kubadlali boMzantsi Afrika. Kule midlalo mine ayidlalileyo emva kokwenzakala, uqokelele imitsi elikhulu namashumi amathathu anesithoba.

Zininzi izinto ezingakhange zihambe ngokwezicwangciso kule midlalo yeProteas, kwaye khange babe liqela elidlala iqakamba enikisa umdla.

Kwakhona ukubethwa kwabo kuza kuvuselela imibuzo ibikhona ngokulunga kukaRussell Domingo ukuba ngumqeqeshi.

chris.gilili@inl.co.za