UTahir noDuminy babeka phantsi kwiqakamba

Oomanqanqa ababini kwiqakamba, uImran Tahir noJP Duminy babeke phantsi njengabadlali beqela lesizwe emva kwendebe yehlabathi eseNgilane.

La madoda mabini ebeyinxalenye yeProteas engaqhubanga kakuhle kwindebe yehlabathi nangani ikwazile ukuphumelela imidlalo yokugqibela ebingasabalulekanga emva kokuqala kakubi.

UTahir noDuminy bavale kakuhle ngethuba uMzantsi Afrika ubetha iAustralia ngemitsi elishumi ngoMgqibelo ogqithileyo kwibala laseOld Trafford.

Ukapteni weProteas, uFaf du Plessis, ubakhaphe ngamazwi oogxa bakhe adlale nabo iqakamba iminyaka eliqela.

“Ngabadlali endibahlonipha kakhulu aba. UTahir ngumdlali onentshisakalo futhi oyithandayo iqakamba. Kanti yena uDuminy uya kuhlala ekhunjulwa ngoba ebengumdlali owabelana ngolwazi lwakhe nabanye abadlali,” utshilo uDu Plessis.