UTahir uyiqwabaze amalungu eyedwa iZimbabwe

U-Imran Tahir woMzantsi Afrika umfanekiso: BackpagePix

Iqela lesizwe leqakamba libashiye bonwabile abantu baseMonti emva kokuphumelela umdlalo obumhle kakhulu weT20 International ngemitsi engamashumi amathathu anesine (34) ngoLwesibini ebusuku kule veki.

IProteas yenze ikhulu elinamashumi amathandathu (160) emitsi, kuwe oothinti abathandathu kumdlalo obuseBuffalo Park Stadium.

Kanti yona iZimbabwe iphume yonke inekhulu elinamashumi amabini anesithandathu (126) emitsi, abadlali bayo bekhutshwe bonke.

Indoda eyiqwabaze amalungu iZimbabwe ngumdlali oze kakuhle kwiqakamba yehlabathi ogama linguImram Tahir. UTahir uwise oothinti abahlanu eyedwa.

Phakathi kwabadlali abakhuphileyo kukho uChamu Chibhabha, uHamilton Masakadza noTarisai Musakanda phambi kokufumana iwonga lomdlali oqaqambileyo emdlalweni.

“Ndisoloko ndizilolonga ngebhola entsha. Ngokwenza njalo, sube ndikhangela indlela yokugqibelelisa indlela endigibisela ngayo ibhola. Indlela endidlale ngayo iyandonelisa kakhulu. Andizithathi kancinci izinto. Kwathuba endilifumanayo lokudlalela uMzantsi Afrika iba liwonga kum,” utshilo uTahir.

Kwelinye icala uKapteni, uFaf du Plessis, obe ngoyena mdlali onamava nomdala kwiProteas emdlalweni – uyiqhwabele izandla indlela iqela lakhe elidlale ngayo ngethuba lidlala neZimbabwe.

“Kuye kwakho ukucotha okuthile emdlalweni wethu. Lo nto yenze sacinga kaninzi. Sivule ngoRassie oqhube kakuhle, kubenjalo nakuDavid. Yena uTahir unamandla wokuncothula oothinti. Uyakwazi ukubaluleka bokuwisa oothinti kwangoko emdlalweni. Besingalindelanga oothinti abaninzi kangaka. Naye uLungi Ngidi wenze umsebenzi omhle kakhulu,” utshilo uDu Plessis emva komdlalo eMonti.

Umdlalo wovavanyo olandelayo weT20 International uza kudlalelwa ePotchefstroom ngoLwesihlanu, ize iBenoni isingathe umdlalo wokugqibela ngeCawe.