UTapelo Xoki ufuna kuphele ukugqugqisa kweMamelodi Sundowns

UTapelo Xoki ngumdlali we-Orlando Pirates. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umdlali we-Orlando Pirates wasemva, uTapelo Xoki, uzimisele ukunceda iqela lakhe liphlise nokugqugqisa kweMamelodi Sundowns ephumelele indebe yeDStv Premiership amatyeli amahlanu elandelelana. UXoki ufike kwiPirates phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo esuka kuMaZulu aziqaqambise kakhulu kuwo kwisizini ezigqithileyo. AmaBhakaniya amthathele kuwo kule sizini ngoba anenjongo yokwakha iqela elomeleleyo ancumise nabalandeli bawo. Nangona ekhe ayifumana indebe yeMTN8 phantsi kukaJosef Zinnbauer – kodwa anqatyelwe ziindebe kwaye lo nto ayibaphathi kakuhle abalandeli.

“Kuninzi okuzuzwe liqela phambi kokufika kwam. Andingeke ndithi ndiza kwenza into engazanga yayenza,” utshilo uXoki kutshanje. “Ndinqwenela ukuphumelela indebe yeChampions League. Ingase ndibe kwiqela labadlali abenze imbali kwiPirates nabaya kuhlala bekhunjulwa ngoba ngoku abantu basoloko bethetha ngabadlali bango’95 ngoba babuya nendebe yeCAF Champions League,” utshilo uXoki. Njengokuba iPirates yoyisakele kukuphumelela indebe yeCAF Confederation kwisizini ephelileyo, uXoki uthi ngoku inabadlali abaziguqula izinto.

“Eminyakeni emibini, singakwazi ukuphumelela indebe yeChampions League. Asikwazanga ukungena kule isizini – kodwa sinalo ithuba lokuyilungisa lo nto ukuze sibuyele kwiChampions League kwisizini ezayo. Ndifuna ukuba phakathi kwabadlali abenze imbali. Kufuneka siphumelele indebe yeDStv Premiership siphelise nokugqugqisa kweSundowns. Ukuba singayenza lo nto, ingayinto enkulu kakhulu,” utshilo uXoki osele edlale emidlalweni emihlanu kule sizini. Emva kokuba ibethwe yiMaritzburg United ngo’1-0 emdlalweni ogqithileyo, iBucs iza kukhuphela umsindo kwiTS Gallaxy emdlalweni ongoMgqibelo. Impumelelo iya kuyinceda ikwazi ukuvala umsantsa ovulwe ngamaqela aphezulu kwiDStv Premiership.