Impumelelo efunyenwe yi’Orlando Pirates phakathi evekini ikhulise ukuzithemba eqeleni phambi komdlalo omkhulu ngempelaveki. Olu luluvo lukaTapelo Xoki emva kokuba iPirates idlule kwiSekhukhune United ngegowuli elinye emdlalweni weDStv Premiership.
Ukuphumelela kwayo iBucs kuphungule uxinizelelo ngoba ibinethuba elide ingasaphumeleli. Kanti nakwiChiefs bekukubi – kodwa yafumana inkuthazo emva kokubetha iCape Town Spurs ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni obuseFNB Stadium ngoLwesithathu wale veki.
Ngoku iPirates ilungiselela ukudibana neChiefs emdlalweni weDStv Premiership oza kube ubanjelwe eFNB Stadium ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.
UXoki uxelele iintatheli izolo ukuba ulindele iqela lakhe lifumane iziphumo ezincumisayo – ngakumbi emva kwempumelelo yaphakathi evekini. Umdlalo wala maqela mabini ngowona mkhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika ngoba ngawona anabalandeli abaninzi.
“Ndicinga ukuba sifumene impumelelo ngexesha elihle noxa siyifumene nzima. Isinika amandla phambi kokudibana neChiefs,” utshilo uXoki emva komdlalo ogqithileyo. “Siya emdlalweni obalulekileyo kuthi nakuye wonke umntu olandela iPirates.
“Abalandeli balindele okuhle kuthi kwaye nathi sizimisele ukuqinisekisa ukuba sifumana amanqaku amathathu emdlalweni ongempelaveki,” utshilo uXoki, ongomnye wabadlali ethembele ngabo iPirates.
Uvumile kodwa ukuba impumelela isuse uxinizelelo emagxeni wabo bengabadlali. “Besiyidinga impumelelo esiyifumeneyo phambi komdlalo omkhulu. Amalungiselelo edabi ahamba kakuhle. Umoya phakathi kwabadlali enkampini uphezulu.
Sikulungele ukuqubisana neChiefs nokonwabisa abalandeli bePirates,” uvale ngaloo mazwi uXoki. Nakubeni isiqalo sePirates kwisizini eqhubekayo besisihle – kodwa kukho ukuxhalaba okukhoyo ngenxa yokunqaba kwamagowuli kubadlali abafana noZakhele Lepasa.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?