UTau ngumdlali weBrighton Hove & Albion ukusukela namhlanje

UPercy Tau ngumdlali omtsha weBrighton Hove & Albion. Umfanekiso: Twitter

Iphupha
lomdlali ophambili eMzantsi Afrika, uPercy Tau, lokudlalela iqela lebhola
ekhatywayo laseYurophu lide lafezekiswa namhlanje. Oku kuza emva kokuba
iMamelodi Sundowns asuka kuyo neBrighton Hove & Albion angumdlali wayo
ngoku, zikuqinisekisile ukuya kkwakhe (uPercy Tau) kwiqela laseNgilane. Kwiiveki
ezidlulileyo, kwavakala iindaba ezithi kukho ukungaboni ngasonye phakathi
kukaTau nezikhulu zeSundowns emva kokuba zayikhaba imali ekumashumi amahlanu
ezigidi zerandi (R50-million) eyabekwa etafileni yiBrighton Hove.
Abasemfuthweni bathi iSundowns yayincwase ukufumana ingeniso yemali eyileyo
phaya kwizigidi ezingamashumi asixhenxe (R70-million). Kuthe kwakubonaka ukuba
akukho sisombululo, umongameli weDowns, uPatrice Motsepe, wayalela abaphathi
beqela lakhe ukuba mamkhulule uTau – obengayanga naseNkampini ekulungiselelwa
kuyo isizini entsha – ukuze aye kwiqela laseYurophu.

“UPercy
ngumdlali wethu esicinga ukuba unekamva eliqaqambileyo kakhulu ebholeni.
Italente yakhe asiyithandabuzi emva kokuvotelelwa njengomdlalo wesizini
eMzantsi Afrika. Sizimisele ukubolekisa ngaye uTau ukuze afumane imidlalo namava
kwibhola yaseYurophu. Inkqubela yakhe siza kuyibeka esweni ngamaxesha onke,”
utshilo umanejala weBrighton, uChris Hughton. Kanti kwelinye icala, uTau uthe
kuTwitter weDowns: “Ndifuna ukuthatha elithuba ndithi enkosi kwiSudnwons,
kubalandeli, kumongameli nakubadlali bonke.”

UPercy Tau
(24) ushiya iMamelodi Sundowns emva kokwenza indima ebonakalayo kwezi sizini
ezidlulileyo. Uyishiya iDowns iliqela eliphokeleyo kwizwekazi le-Afrika yonke
emva kokuyinceda ngethuba iphumelela iCaf Champions League, iCaf Super Cup,
iindebe ze-Absa Premier Soccer League ezimbini, iNedbank Cup, iTelkom Knockout
nezinye. Kanti kwisizini ephelileyo ebengomnye wabadlali abafake amagowuli
amaninzi kwiPSL. Lo mdlali weBafana Bafana ngoyena uthengwe ngemali eninzi
kwimbali yelizwe loMzantsi Afrika liqela laseYurophu.