UPercy Tau wenze imbali ngokubangumdlali wokuqala ophumelele indebe yeCAF Champions League kabini. Ebusuku ngeCawe egqithileyo, iAl Ahly ibambene neWydad Casablanca ngegowuli elinye macala eStade Mohammed V Stadium ebimumathe amashumi amathandathu anesihlanu amawaka abantu. Iye yaphumelela iAl Ahly edlalelwa nguTau ngoba yawuphumelela umdlalo wokuqala ngamagowuli amabini kwelinye eCairo kwiveki yokuqala kule nyanga yeSilimela. Emva komdlalo wokugqibela, uTau uzenzele imbali ebholeni kufanelekile emva kokwenza indima ebonakalayo kwiinzame zeqela lakhe zokubuyisela ubunganga balo ebholeni ekhatywayo kwizwekazi le’Afrika.
Indebe yeChampions League yokuqala wayifumana ngo-2016 esengumdlali weMamelodi Sundowns eyayiphantsi kwesandla sikaPitso Mosimane ngoko. Iqela likaTau lenze umsebenzi oncomekayo ngoba lifumene igowuli lokulinganisa elifakwe nguMohamed Abdelmonem emva kwelayo iWydad ebelifakwe nguYahia Attiyat Allah. Impumelelo yeqela laseYiphutha ilibeke kwishumi elinanye iindebe zalo zeCAF Champions League. Alikho elinye iqela elindebe ezilingana neze’Al Ahly – iqela elaziwa jikelele kwihlabathi ngokuqokelela iindebe. Iintshatsheli zibuyele ekhaya kwaFaro ziphethe indebe ekhatshwa sisityhwentywe semali ezizigidi ezine zedola yaseMelika ($4-million).
Unconyiwe kakhulu uPercy Tau ngabalandeli bebhola kowabo (eMzantsi Afrika) abangazange bohlukana nokulandela iAl Ahly ukusukela mhla yathatha uMosimane njengomqeqeshi wayo kwiminyaka embalwa edlulileyo. Emva kokugxothwa kwakhe uMosimane ngenxa yokungaphumeleli iCAF Champions League, abantu abaninzi babelindele uTau azichithe iintente eYiphutha ngoba kwakukho abathi naye makahambe. Wahlala uTau futhi uyasetyenziswa kakhulu ngumqeqeshi okhoyo ngoku. Kulindeleke uTau abe yifolosi ephambili xa aBafana Bafana bedibana neMorocco emdlalweni ohlakulela iAfrica Cup of Nations eza kube isekuqaleni konyaka ozayo. UHugo Broos uza kuthembela kubuchule bakhe nakumava kaTau xa elungiselela ukudibana neMorocco ezibonakalise kwitumente yehlabathi eQatar kunyaka ophelileyo indlela eyingozi ngayo.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023