Abadlali
abathe baqaqamba kwisizini ka-2017/18 nguPercy Tau noSiphesihle Ndlovu. La
matyenyhana azixathulele kwiimbasa ezinikwe abadlali abaqaqambileyo kumsitho
we-Absa Premier Soccer league obubanjelwe eSandton Convention Centre, eGoli, namhlanje
ebusuku. Emva kokufaka amagowuli nokunceda iMamelodi Sundowns ephumelele indebe
yePSL ityeli lesibhozo, uTau ugoduke egodle amawonga aphambili: umdlali
wesizini kunye nomdlali ochongwe ngabanye abadlali.
Kanti yena
umqeqeshi wakhe uPitso Mosimane unikwe iwonga lomqeqeshi obalaseleyo kwisizini
ka-2017/18. umdlali weMaritzburg United onekamva eliqaqambileyo, uSiphesihle
Ndlovu, ugoduke encumile emva kokuthatha iwonga lomdlali osemncinane wesizini nelomdlali
wasesiswini obalaseleyo.
UTau nefolosi
bohluelele ngemali angamawaka angamashumi amabini anesihlanu (R25 000)
emva kokubambana ngamagowuli alishumi elinanye kwindawo yokuqala kwisizini
egqithileyo. Unozinti weKaizer Chiefs, u-Itumeleng Khune, ufumene iwonga likanozinti
osebenze kakuhle kwisizini ephelileyo nakubeni iChiefs iphinde yavala isizini ingafumenanga
ndebe. Umdlali ofake igowuli elithe laqaqamba kuwo onke kwisizini ka-2017/18
nguSiphelele Magubane
Ewonke amawonga ahambe ngolu hlobo:
■
Footballer of the Season: Percy Tau (R250 000)
■ Player’s
Player: Percy Tau (R200 000)
■ Coach of
the Season: Pitso Mosimane (R75 000)
■ Young
Player of the Season: Siphesihle Ndlovu (R50 000)
■
Goalkeeper of the Season: Itumeleng Khune
■ Defender
of the Season: Siyanda Xulu (R50 000)
■
Midfielder of the Season: Siphesihle Ndlovu (R50 000)
■ Goal of
the Season: Siphelele Magubane
■ Absa Top
Goal Scorer: Percy Tau noRodney
Ramagalela
(R25 000)
■ NFD Top
Goal Scorer: Mwape Musonda
noPeter
Shalulile
■ MTN 8
Last Man Standing: Ronwan Williams
■ Telkom
Knockout Player of the Tournament:
Amr Gamal
■ Nedbank
Cup Player of the Tournament:
Lebogang
Maboe
■ Nedbank
Cup Most Promising Player:
Lebogang
Maboe
■ MDC
Precious Find: Siboniso Conco
■ MDC Diski
Shield: Itumeleng Shopane
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman