UTaylor uzakuncedisa kwiqela laseKapa

OwayengumNcedisi mqeqeshi kwi-Ajax Cape Town, * -Ian Taylor, kulindeleke asebenze noMuhsin Ertugral kwiqela elitsha laseKapa. Indoda eyaziwayo ebholeni, uJohn Comitis, ikungqinile oko emva kokuba ithenge iMpumalanga Black Aces ngokusesikweni kwinyanga ephelileyo.

Ngoku uComitis ulungiselela ukuzinza ngokupheleleyo kweli qela eNtshona Koloni. Lo kaTaylor wayefudula encedisa kwi-Ajax, kodwa kwisizini ephelileyo uchithe ixesha elingelidanga kuyaphi kwiCape Town All Stars.

Balishumi elinesihlanu kuphela abadlali beBlack Aces abazakuthi babeyinxalenye yeli qela litsha laseKapa.

Iindaba ezothusayo ezibhengezwe nguComitis ngoMvulo zezokuchwethelwa ecaleni kukaCollins Mbesuma ekuthiwe akazukuba yinxalenye yeli qela nangona efake amagowuli alishumi elinesine kwisizini ephelileyo.

UMbesuma ngomnye wabadlali kwiBlack Aces abadlale indima ephambili kwindawo evale isizini ka’2015/16 ikuyo. Ngokokutsho komphathi omtsha, iBlack Aces, iyakube inegama elitsha kraca ngomhla wamashumi amabini, okwangoku kusakhangelwa igama elifanelekileyo nelizakuthi libenento yokwenza neKapa.

Kwincoko ayenze noRobert Marawa kwiMetro Fm, uComitis, uthe uyakuvuyela ukubuyela kwibhola ekwinqanaba eliphezulu futhi imizamo yakhe yokuzisa elinye iqela eKapa iyaxhaswa kakhulu ngumasipala waseKapa namaqumrhu azimeleyo.

Ayilotyeli lokuqala * -Ertugral besebenzisana noComitis, ngaphambili bakhe basebenza bobabini, kodwa ngoku baqala iqela elitsha ekulindeleke likhuphisane ne-Ajax Cape Town ngokulwela indawo ephambili kwibhola yaseKapa.