UTeboho Mokoena uhlangule uMzantsi Afrika emdlalweni obalulekileyo

Teboho Mokoena of South Africa celebrates goal with teammates during the 2019 U23 Olympic Qualifier 2020 match between South Africa and Zimbabwe at the Orlando Stadium, Soweto on the 06 September 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UTeboho
Mokoena weSuperSport United liqhawe emva kokuba encede uMzantsi Afrika
ophumelele umdlalo obalulekileyo izolo. Iqela likaDavid Notoane, iSA Under-23,
libethe ilizwe lase-Ivory Coast ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni
weCaf Under-23 Africa Cup of Nations ebanjelwe eYiphutha. Ngoku uMzantsi Afrika
uthe ngcu kwindawo yokuqala kuGroup B emva kokuqokelela amanqaku amane.
Kwimpelaveki egqithileyo, uMzantsi Afrika ufumene inqaku elinye emdlalweni
wokuvula itumente owudlale neZambia. Impumelelo yoMzantsi Afrika ibaluleke
kakhulu ngoba iwusondeza kwesona sigaba esibalulekileyo setumente – imidlalo ephambi
kwamagqibelakankqoyi. Amaqela amathathu aphume phambili kule tumente edlalwa
ngamazwe amane ayakuthi afumane ithuba lokumela izwekazi le-Afrika kwimidlalo
ye-Olimpiki ekunyaka ozayo.

Izinto
zilihambela kakuhle iqela likaDavid Notoane nangona lintingele kwelaseYiphutha
liqhwalela ngenxa yokungafumaneki kwabadlali. Uzamkele ngovuyo iziphumo
zomdlalo umqeqeshi woMzantsi Afrika. “Sichulumancile kakhulu emva kokuphumelela
umdlalo wethu wokuqala esibethe kuwo iqela elidlala kakuhle kakhulu. Lo
ngumdlalo obunzima – kodwa ndiyavuya ngoba sithi abakwazileyo ukuphumelela
ekugqibeleni,” utshilo uNotoane ezele imincili emva komdlalo eYiphutha. Ibhola
entle efakwe ngomnye wabadlali abanekamva eliqaqambileyo, uTeboho Mokoena,
ngomzuzu wamashumi asixhenxe anethoba yenze umahluko omkhulu emdlalweni
obubambene.

UNotoane umncomile
umdlali wakhe. “Usothusile uMokoena ngokufaka ibhola entle ngoluya hlobo.
Sinabadlali abafana noLuther Singh, uSipho Mbule noKobamelo Kodisang ngabona
badlali abathi bakhabe iibhola ezibekwe phantsi kufuphi nomhlaba kanozinti. Namhlanje
ebezithembile. Ndiyavuya ngoba bekuza kuba kubi kum ukudlala ngokulingana
nasemdlalweni wesibini emva kokudlala neZambia. Ndiya zivuyela kakhulu iziphumo
zomdlalo,” utshilo uNotoane. UMzantsi Afrika uza kuxikixana neNigeria ekwindawo
yesibini emdlalweni wokugqibela kaGroup B ngoLwesihlanu.