Namhlanje iChippa United ibhengeze okokuba uTeboho Moloi uzakuqeqesha eli qela okwethutyana. Esi saziso siza ngqo emva kokugxothwa kukaDan ‘Dance’ Malesela ebusuku izolo. Lo kaMalesela ukhonjwe emnyango emva kokuba iiChilli Boys zihlazwe yiBaroka FC ngo’3-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League kubusuku bangoLwesibini eNelson Mandela Bay Stadium. Ngaphantsi nje kwemidlalo emine iqalile isizini yePSL ka-2017/18, ngoku uDan Malesela ungumqeqeshi wesithathu ogxothiweyo. Ulandela uSammy Troughton noPeter Butler abathe bakhululwa yiFree State Stars nePlatinum Stars ngokulandelelana emva kokuqeqesha kwimidlalo nje emibini.
Le nto yenzekayo kwiChippa United ayothusanga konke konke nangona abantu becinga ukuba kusekutsha. UMalesela wehlelwe yinto efanayo nale kwisizini egqithileyo emva kokungaphumeleli kweqela lakhe imidlalo eliqela phambi kokuvalwa kwesizini – kodwa waphinda wabuyiswa ngokungxama okukhulu kwakubonakala okokuba uMbuyiselo Sambu – owathath’iintambo okwethutyana – kwaye kwacaca ukuba izinto azimhambeli kakuhle. Emva kokuphepha izembe ekupheleni kwesizini, abaphathi beChippa United baqinisekisa bonke abantu okokuba uDan Malesela uzakuhlala njengomqeqeshi kude kufike ixesha lokuphela kwesivumelwano sakhe sengqesho kweli qela.
Njengokuba kusenziwa iinguqu, mithathu qha imidlalo edlalwe yiChippa United kule sizini. Yabethwa kumdlalo wokuqala ngo’1-0 yi-Orlando Pirates, yabethwa ngo’3-1 yiBaroka FC – yaze yona iChippa United yazibethela AmaZulu FC ngo’2-0. UTeboho Moloi ebeyinxalenye yeChippa United phambi kokuqala kwesizini – kodwa wakhululwa kwaleli qela emva kweengxelo ezathi kubekhona ukungaboni ngasonye phakathi kwakhe noMalesela. Usihlalo weChippa United utyikitye abadlali abaliqela phambi kokuqala kwesizini abaquka uKurt Lentjies, uBrighton Mhlongo, uMark Mayambela no-Abel Mabaso. Mhlawumbi umnumzana uSiviwe Mpengesi ucinga okokuba iqela lingenza ngcono xa liphethwe ngomnye umqeqeshi.
@ilisolezwe
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!