UTeboho Moloi ugxothiwe yiChippa United namhlanje

UTeboho Moloi ukhululwe namhlanje yiChippa United emva kokuba ibethwe yiCape Town City ngo'2-0 izolo ebusuku. Umfanekiso: BackpagePix

Omnye
umqeqeshi uhambile kungaphelanga neeyure ezigamashumi amabini anesine kugxothwe
u-Eric Tinkler yiSuperSport United izolo. Lo mqeqeshi uwelwe lizembe guTeboho
Moloi weChippa United. UTebza ukhonjwe emnyango emva kokuba iChippa United
ibethwe ngo’2-0 othuleyo yiCape
Town City

izolo ebusuku e-Athlone Stadium. UTeboho Moloi wathatha iintambo njengomqeqeshi
weeChilli Boys kunyaka ophelileyo engena endaweni kaDan Malesela owagxothwa
emva kwemidlalo emithathu iqalile isizini.

“Sohlukene
noMnumzana uTeboho Moloi ngesihle. Siyalibulela kakhulu igalelo alenzileyo
kweli qela. Ukwazile ukunnyusela abadlali abatsha ngethuba engumqeqeshi
weChippa futhi nokuzimisela kwakhe emsebenzini sikubonile kusenza umahluko.
Uyakuhlala engumhlobo weli qela kwaye siqinisekile ukuba ikamva lakhe
liqaqambile ebholeni njengomqeqeshi. Ibe lilishwa into yeziphumo ezingezihlanga
ezifunyenwe yiChippa United. Kwezi ntsuku ibhola ifana neshishini, xa izinto
zingahambi kakuhle – kuye kunyanzeleke ukuba kuthathwe isigqibo,” itshilo
ingxelo ekhutshwe yiChippa United namhlanje.

UMoloi
ushiya iChippa United ingaphandle kweTop 8 kwaye ukugxothwa kwakhe
kuphenjelelwe luloyiko lokuphulukana nemidlalo eshiyekileyo. IChippa United ayikwazanga
ukuphumelela nomnye umdlalo kwesixhenkxe eyidlalileyo kwiPSL. Kwiveki ezayo
kulindeleke ukuba udibane neFree State Stars eyinkathazo kumdlalo weNedbank
Cup.