UTeichmann angabizwa ahlangule iSharks

Iingxaki zeSharks kungenzeka ukuba zifikelele esiphelweni nje ngokuba ide yaphela nayo isizini yalo nyaka yeSuper Rugby. UGary Teichmann naye okhe wangumdlali kwiSharks kungenzeka abuyele kweliqela kwakhona nje ngengqonyela kweli tyeli.

Umsebenzi wakhe izakuba kukukhupha eliqela kwisimo salo sezimali esinga ncumisiyo kwaphela. Lento sele iqhubekeke ixesha elide yachaphazela nendlela elidlala ngayo eliqela.

Ngokwengxelo esele iphumile kukholeleka ukuba inkampani yosasazo yakwaSuperSport, eyona inepesenti enkulu kwiSharks yiyo ephakeme negama likaTeichmann nje ngoyena mntu unokukwazi ukuhlangula eliqela.

Ngaphambili iSuperSport ibicele oyingqonyela yeTitans, uJacques Faul ukuba awuthathe lo msebenzi kodwa khange akwazi ukusithatha esi sikhundla.

Inkcukacha ezize ngaphambili zezokuba, iSharks khange iyikhuphe ingxelo yemali kwintlanganiso kawonke wonke ebibanjwe kwinyaka kaTshazimpunzi.

Nangoku ayikafumaneki le ngxelo. UJohn Allan owayedlala nje ngomgabangxi kwiBoks naye uthi uTeichmann yindoda ekwinqanaba eliphezulu kwaye angazinceda kakhulu iSharks.

“UTeich uzakuyihlangula iSharks,” utshilo. “Yeyona kapteni ndiyibeka phambili endibenethuba lokudlala phantsi kwayo. Into endikholwa yiyo akangomntu uvuma ngokuvunyiswa kwaye akathathi nokuba yintoni na.”

UMark Andrews naye odlalileyo kwiSpringbok neSharks uthe: “UTeich unawo amandla okwenza lo msebenzi. Uziqalele ishishini lakhe kwaye unamava eminyaka engamashumi anesihlanu esebenza kumazwe alapha e-Afrika.