UTemba Bavuma ufumana ithuba lokuphuthuma umdlalo wakhe

UTemba Bavuma ngumdlali weProteas. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe leqakamba, uMark Boucher, uthi uKapeni wakhe uTemba Bavuma uza kunikwa ithuba lokuphuthuma umdlalo wakhe phambi kokuqala kweT20 World Cup. OkaBavuma ube sisigculelo zezigxeko zabalandeli beqakamba eMzantsi Afrika ngenxa yokungakwazi kwakhe ukwenza imitsi ebonakalayo emidlalweni yeqela lesizwe. Ukuthethe oku uBoucher emva kokuba iqela lesizwe loMzantsi Afrika livuthululwe yi-India ngo’2-1 emidlalweni yovavanyo esongwe ekuqaleni kwale veki. Emidlalweni yale veki ebiphakathi koMzantsi Afrika namaNdiya, uBavuma khange afakwe – kodwa uBoucher uthi bekungenxa yokugula, hayi kuba indlela adlale ngayo emidlalweni yakutshanje.

“UTemba uyafuna ukudlala ukuze azame ukuphucula indlela adlala ngayo. Ibe lilishwa nje eye wahlaselwa yingulo emenze waphoswa yimidlalo yosuku olunye egqithileyo. Ndicinga ukuba lixesha elifanelekileyo lokubuyisela umdlalo wakhe kwimo yesiqhelo,” utshilo uBoucher osele ebeke phantsi njengomqeqeshi weProteas. Ukusukela oko ethe wanikwa isikhundla, uBavuma akakwazanga ukwenza umsebenzi oncomekayo kwimidlalo yeT20 – kodwa kwabanye, ibe lithuba lokumemelela ukususwa kwakhe njengoKapteni weqela lesizwe.

UMzantsi Afrika uza kuyinikela umva i-India usinge kwelase-Australia – apho uza kudlala khona imidlalo emibini yokucweya phambi kwetumente yehlabathi. “Imeko zemidlalo esiya kuyo iza kumvumela noko uBavuma. Siza kuzama ukumxhasa ukuze afumane indlela yakhe yokudlala aziwa ngayo. NguKapteni wethu uBavuma. Kufuneka anikwe inkxaso yonke ayifaneleyo,” uvale ngaloo mazwi uBoucher. Noxa kukho ingxolo eyenziwa ngabantu abathile emdlalweni weqakamba – kodwa kulindeleke ukuba uBavuma alikhokele iqela xa lisiya emidlalweni yetumente yehlabathi kulo nyaka.