UTemba Bavuma ukhokela iProteas ngexesha elinzima

UTemba Bavuma, odlala njengomqhokri, nguKapeteni wokuqala omnyama weqela lesizwe leqakamba loMzantsi Afrika. Le ndedeba inikwe uxanduva lokukhokela iProteas emidlalweni yosuku olunye – kanti yena uDean Elgar uza kuba nguKapteni wemidlalo yovavanyo. La madoda angene endaweni ebibanjwe nguQuint de Kock obenguKapteni. Ngumsebenzi onzima ukukhokela iqela lesizwe leqakamba ngoba lifana nje nenja engenamazinyo ngoku.

Ukusukela kwiNdebe yeHlabathi egqithileyo, umgangatho walo wehla ngenxa yolawulo olubi – oluchaphazele kakubi indlela abadlali abenza ngayo umsebenzi. Nangona kunjalo, uBavuma ekwamkele ukukhokela. Ukuphucuka komsebenzi weProteas kukona okwakuphakamisa iqakamba atsho naye (uBavuma) afane noSiya Kolosi ozenzele udumo ngokubuya nendebe yehlabathi ngo-2019 eJapan.

UBavuma uza kuya noMzantsi Afrika kwiMen’s T20 World Cup kulo nyaka, kunyaka ozayo uya nawo kwiWorld Cup. Asinto intsha kuBavuma ukukhokela iqela ngoba ukhe wayenza lo nto kwiqela lakhe iLions. “Ndiyakonwabela ukukhokela iLions. Izigqibo kufuneka zihambelana nokufunwa liqela. Ndizifumene iziphumo ezihle kuyo. Kusoloko kukho uxinizelelo njengayo yonke imidlalo yehlabathi,” utshilo uBavuma.

Emva kwephulo likaBlacks Lives Matter, uBavuma ukuqonda kakuhle ukubaluleka kokuchongwa kwakhe. “Ndakube ndiyaxoka ukuba ndingathi ukuchongwa kwam akunanto kuyithethayo kum. Ndazi kakuhle kutheni abantu bekubhiyozela ukuchongwa koKapteni wokuqala omnyama. Kundothusile ukuchongwa kwam – kodwa akukho mntu onokungalamkeli iwonga elingaka. Ndinalo ixhala – kodwa kungcono ngoba ndiyabazi abadlali nabantu abandinike uxanduva,” utshilo uBavuma.

“Lo msebenzi undenza ndicinge apho ndisuka khona kwiqakamba. Zininzi izinto endithubeleze kuzo. Ndifuna ukukhunjulwa njengomntu okhokele iqela kakuhle oshiye imbali entle,” utshilo uBavuma. Ingqonyela yeCricket SA, uGraeme Smith, uthe isigqibo sokuchonga uBavuma khange sibe nzima ngoba bebemazi futhi unamava asuka nawo kwiLions.