Unyaka usaqala, abantu bommandla waseBuffalo City bafumana inyhweba enqabileyo yokubukela umdlalo weqakamba okwinqanaba lehlabathi. Namhlanje ziza kube ziduma ngamandla eBuffalo Park, eMonti, xa kudibana uMzantsi Afrika neWest Indies emdlalweni wokuqala kwemithathu eyosuku olunye. UMzantsi Afrika ugaleleke kwiphondo laseMpuma Koloni umsila uphezulu emva kokubetha iWest Indies ngo’2-1 emidlalweni yovavanyo emithathu ebibanjelwe eWanderous Stadium, eGoli, kwiveki ephelileyo. Kuloo midlalo, iProteas iwezwe nguTemba Bavuma owenze ikhulu elinamashumi asixhenxe komnye umdlalo.
Into awayigqibela kudala kakhulu (uBavuma) phambi kokwenziwa inkokeli yeqela lesizwe. Okubi ngoku kukuba uMzantsi Afrika ufike eMonti uqhwalela ngenxa yokonzakala kwabadlali bawo abaphambili. Phakathi kwabo badlali abonzakeleyo kukho iziqwayi zabadlali abafana noKeshav Maharaj noWiaan Mulder. Yingxaki le umqeqeshi omtsha, uRob Walter, ekufuneka athubeleze phakathi kuyo njengokuba eza kulwela ukuphumelela umdlalo wakhe wokuqala. UMahari ngeke akwazi ukudlala kwakhona isithuba esikwiinyanga ezintandathu.
“Wonke umntu umnqwenelela impilo entle uKesh. Ukuphulukana nomdlali ofana naye isizini isaqala yinto embi kakhulu kuthi. Kodwa ke okusixolisayo kukuba ebengazukudlala kwinyanga kaTshazimpuzi. Siza kumbhengeza umdlali oza kungena endaweni yakhe,” utshilo uWalter ethetha neentatheli kutshanje. Indawo kaMaharaj iye yathathwa nguTabraiz Shamsi olinxele. Endaweni kaMulder odlalela iLions kufakwe uWayne Parnell odlalela iWestern Province. Iqela liza kukhokelwa nguBavuma okhuthazekileyo emva kokwenza umsebenzi omhle eGoli. Abadlali ekuza kujongwa kubo kakhulu emdlalweni wanamhlanje baquka uSisanda Magala, uLungi Ngidi naye uAndile Phehlukwayo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?