UTendai Mtawarira uthi kwanele ngoku emidlalweni yehlabathi!

Tendai Mtawarira of South Africa during the 2019 Castle Lager Rugby Championship, South Africa v Qantas Wallabies at Emirates Airline Park in Johannesburg on 20 July 2019 Photo: Willem Loock/BackpagePix

Umdlali waMabhokobhoko
ophambili, uTendai “Beast” Mtawarira, ubeke phantsi ngokusesikweni embhoxweni
wehlabathi. Lo nto ithetha ukuthi ngeke aphinde adlalele iqela lesizwe
loMzantsi Afrika lombhoxo kwakhona. Isibhengezo senziwe nguBeast uqobo ngethuba
ethetha neentatheli izolo. UMtawarira, 34, udlale imidlalo yovavanyo elikhulu
elineshumi elinesixhenxe (117) emva kokuba yinxalenye yaMabhokobhoko abethe
iNgilane ngo’32-12 emdlalweni weNdebe yeHlabathi obuseYokohama Stadium, eJapan,
kwiveki ephelileyo. UBeast yinzalelwane yaseZimbabwe – wafudukela eMzantsi
Afrika kuba efuna ukukhula emdlalweni wombhoxo. Waqala ukudlalela iCell C
Sharks ngo-2006, ngo-2008 wadlala umdlalo wakhe wokuqala njengomdlali weqela
lesizwe.

Uzenzele imbali
kekambe uMtawarira ngoba yindoda edlala ngokuzimisela ngamaxesha onke. Ngoku
ngomnye wabadlali abanenani eliphezulu lemidlalo abayidlalele AmaBhokobhoko
abaquka uVictor Matfield noBryan Habana. Kanti uBeast ukwanguye nomdlali
oyiProp onemidlalo emininzi ayidlalileyo (159) kwiSA Vodacom Super Rugby.
Uphumelele iNdebe yeHlabathi (2019), iCastle Lager Rugby Championship (2019)
neCurrie Cup (2008, 2010 no-2013). “Ndiziva ndiwongeke kakhulu kukuba
yinxalenye yaMabhokobhoko nokwenzekileyo kwikhono lam eminyakeni elishumi
elinesibini edlulileyo. Yintsikelelo kum ukudlalela AmaBhokobhoko iminyaka
engaka. Zininzi izinto endingasoze ndizilibale ezenzekileyo – kodwa ukuphumelela
iNdebe yeHlabathi kwenza ukuyeka kwam kugqibelele. Ndiyawabulela amathuba
endiwanikwe ngabaqeqeshi kwiqela lesizwe nakwiSharks,” utshilo uBeast izolo
kwiphondo laseGauteng.

“Ndibulela
bonke oogxa bam kwiqela lesizwe; abamnyama nabamhlophe. Andikwazi ukumshiya
umfazi wam, uKuziva nabantwana bam uTalumba noWangu, ngokundivumela ndizame
ukufezekisa iphupha lam. Ndibulela abazali bam, abantu basekhaya nabahlobo bam
ngoba bendingeke ndikwazi ukwenza nto ngaphandle kwenkxaso yabo,” uvale ngaloo
mazwi uMtawarira. Naye umongameli weSA Rugby,
uMnu. uMark Alexander, ukhahlele uBeast othi kwanele kwiqela lesizwe. “UBeast ngumntu
ongasoze umve ekhalaza. Into yakhe kukwenza umsebenzi qha. Ekuqaleni kwakhe
ukudlalela iSharks, wayesiya ngebhayisekile ejimini. Lo nto yayichaza ukuba
uphuma entluphekweni – kodwa ukunxanelwa kwakhe impumelelo kumbeke endaweni
eziphezulu. Singumbutho olawula umbhoxo siyalibulela igalela lakhe eMzantsi
Afrika,” uthsilo u-Alexander. — IOL Sport