UTete Dijana ubagqebhile eGqeberha wemka nemali!

UTete Dijana yimbaleki yemigama emide ephumelele eGqeberha. Umfanekiso: Nedbank

Iimbaleki ezaziwayo eMzantsi Afrika zenze ezibukwayo ngokubamba iindawo eziphambili kwiNedbank Marathon ebibanjelwe eGqeberha kwiveki ephelileyo. Emadodeni, indawo yokuqala ifunyenwe sisitshovutshovu ekuthiwa nguTete Dijana – oyintshatsheli yeComrades Marathon yonyaka ka-2022. Iimbaleki ezilandele uDijana ngu-Onalenna William Khonkhebe noTony Skink. Kanti indawo yokuqala kwicala lamanenekazi ifunyenwe nguEmane Seif Hayile. Emva kwakhe kulandele uEmelework Fikadu Bosho noHanna Lindholm.

Okuthe kwaqaqamba kumdyarho weembaleki obuseGqeberha kukuba uDijana uzenzele enye imbali kwicandelo leembaleki ngoba yimbaleki yokuqala ephume entanjeni kwiNedbank Race (50 Km) ebaleke umgama ongamashumi amahlanu kwiiyure ezimbini ezinamashumi amathathu anethoba emizuzu (2:39:03). UDijana wenze ngeneno kwexesha ebe libalekwe nguStephen Mokoka kwaphaya eGqeberha kunyaka ophelileyo. Yona uHayile ufeze ugqatso kwiiyure ezintathu (03:00:29).

Iimbaleki ezibambe iindawo zokuqala zigoduke zifake ezipokothweni zazo imali elikhulu namashumi amahlanu amawaka erandi (R150 000) umntu emnye. Ezifumene indawo yesibini zigoduke zifumbethe amashumi amathandathu anesihlanu amawaka erandi (R65 000) umntu ngamnye. Ibhaso elifunyenwe ngabafumene indawo yesithathu ngamashumi amathathu amawaka erandi (R35 000). Ugoduke engawuvali umlomo uDijana emva kokuphumelela. “Indothusile into yokuphumelela kwam,” utshilo uDijana emva kokuphuma entanjeni.

“Ndibaleke ngendlela ebenzicwangcise ngayo sonke isiqingatha sokuqala somdyarho. Kwesesibini, Ndiye ndaqinisa ngakumbi. Bendidiniweyo ekupheleni komndyarho – kodwa into endiyivuyelayo kukulwa kude kube sekugqibeleni,” utshilo uDijana oqale ukwaziwa kakhulu emva kokuphumelela iComrades Marathon kunyaka ophelileyo eThekwini kwiphondo laKwaZulu-Natal. Imbaleki yaseGqeberha, uMelikhaya Frans, isebenzise umdyarho wembaleki obukwiveki ephelileyo njengendawo yokuzilolonga njengokuba elungiselela ukuya kwiBoston Marathon, eMelika, kwinyanga ezayo.