UTete Dijana uthi u2025 ngunyaka wokulungisa iimpazamo

UTete Dijana yimbaleki yemigama emide. Umfanekiso: Nedbank Sport Facebook

Emva kokungaqhubi kakuhle kunyaka ophelileyo, uTete Dijana uzimisele ukwenza umsebenzi wakhe ethe cwaka. Le ntshatsheli yeComrades Marathon iwuqale kakuhle unyaka omtsha ngokubamba indawo entle kugqatso lakutshanje. UDijana yimbaleki eyaziwayo futhi ehlonitshwa kwihlabathi lonke emva kokugqugqisa kwiComrades Marathon kwiminyaka edlulileyo.

Kunyaka ophelileyo ubaphoxile abantu abaninzi ngoba uye washiywa – kodwa uthi uzimisele ukulungisa izinto kulo nyaka. “Akukho xinizelelo emagxeni wam. Ndizilolongela ugqatsho oluza kube likwinyanga yoKwindla mna ngoku. Sendizixelele ukuba kufuneka ndithi cwaka. Into endifuna ukuyenza kukusebenza ngokuzimisela ndizame nokulungisa iimpazamo zonyaka ophelileyo.

“Ingqondo ndifuna ukuyibeka kwizinto zalo unyaka,” utshilo uDijana ngokutsho kweThe Top Runner. Unethemba lokuba iingxaki zeComrade Marathon ebinyuka ziza kubekwa ecaleni kulo nyaka kubalekwa kusihliwa ziimbaleki. Umqeqeshi wakhe, uDave Adams, kulindeleke ukuba azame ukumpheka kakuhle ukuze angabulawa kukuqaqamba kwezihlunu okumphethe kakubi kunyaka ophelileyo.

“Ndiyazilolonga kwakhona. Ubonile ndizivavanya kwiAfrican Bank Soweto Marathon nakubeni ndiye ndakhathazwa zizihlunu. Ugqirha wam uye wandixelela ukuba izihlunu zonakele. Ngoku uzama indlela ukuze ndiphile. Bendizivavanga nje phaya kwiSoweto Marathon ukuba ndinjani.

“Akukho nto eyingxaki endiyivileyo. Kufuneka nje ndizame ukubuyela kwisimo sam,” itshilo imbaleki yaseMntla Ntshona. Njengokuba sele eyiphumelele kabini iComrades Marathon, uDijana akafuni ukuphumela elubala ngesicwangciso sakhe salo nyaka. Unalo ithemba njengokuba iimbaleki ziza kubaleka zisehla.

“Andizukuthetha kakhulu ngezinto endizifunayo kulo nyaka. Sakubona ngoko ukuba kwenzeka ntoni. Into endiza kuyenza yaziwa ndim. Abantu bajika babenomona xa ndithe ndiza kuphumelela. Yiyo le nto ndikhetha ukuthula ndiyeke imilenze yam indithethelele,” utshilo uDijana.