Umakhwekhwetha wembethimanqindi yaseMdantsane, uZolani “Last Born” Tete, ubuye engonwabanga yindlela umlo ohambe ngayo nangona ephumelele.
UTete ukhusele intshinga yakhe yeWBO Bantamweight emva kokubetha uOmar Narvaez (42) kumdlalo obudikidiki eBelfast, eNorthern Ireland.
Noxa uLast Born eyimbethimanqindi ekrelekrele nje – kodwa uye waxakwa nguNarvaez oqale ukulwa emva kwemijikelo emithandathu.
Ukuzigcina kukaNarvaez kula mlo kumphoxile uZolani obefuna ukudlala amanqindi acacileyo. Nakubeni ebedibene nentshatsheli enamava kakhulu – kodwa ukwazile ukuphumelela.
Abaqeqeshi bakaZolani baye emlweni belumkile ngoba bebesazi kakuhle ukuba bebedibene nentshatsheli, yiyo lo nto kuye kwanyanzeleka ukuba bachule ukunyathela emdlalweni.
UTete uxelele abalandeli bakhe ekufikeni kwakhe eMonti ukuba ubuya ephoxekile yindlela aziphethe ngayo uNarvaez kula mlo obuseBelfast, kodwa kwangaxeshanye, ubulele umsebenzi omhle owenziwe ngabaqeqeshi bakhe.
“Ndifuna ukubulela uMla, uTa Tish nootata abandincedileyo. Bendiwazi umlo ukuba soze ubelula ngenxa yamava enawo imbethimanqindi. Ndiye kuNarvaez ndingamdeleli. Into endiyenzileyo phaya, yinto ebendiyixelelwa yikona yam. Bendifuna ukumdubula ngamanqindi mna uNarvaez – kodwa ndiye ndanqandwa,” utshilo uTete.
UTete ulebele ngelithi unomnqweno wokubona nezinye iimbethimanqindi ziphumelela. “Kuzo zonke iimbethimanqindi ezikhoyo apha eMonti, ingase kuthi kanti ziyabona ukuba xa uzincama ezinye izinto, amanqindi ayamvuza umntu,” utshilo uZolani.
UMlandeli Tengimfene, umanejala kaZolani, naye ubabulele abantu abasebenze nembethimanqindi yakhe.
“Besinyanzelekile ukuba silwe noNarvaez. Ngoku unethuba lokuya kwiintanga zakhe. Kukho itumente yeSeries Super 8 ezayo ekuza kudityaniswa oompetha bodwa. Siyathetha nabo ke, kodwa sifuna ukujonga ukuba imali ingakanani kuqala. Batshilo ukuba la tumente soze yenzeke engekho uZolani,” utshilo uTa Mla.
Ubethwe entolongweni uNandipha Magudumana